1
KWABASEKORINTE I 15:58
IZIBHALO EZINGCWELE
Ngoko ke, bazalwana bam abaziintánda, qinani, ningabi nakushukuma; nihlale niphuphuma umsebenzi weNkosi, nisazi nje ukuba ukubulaleka kwenu akulambathi eNkosini.
Compare
Explore KWABASEKORINTE I 15:58
2
KWABASEKORINTE I 15:57
Makubulelwe ke kuThixo osinikayo uloyiso olo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu.
Explore KWABASEKORINTE I 15:57
3
KWABASEKORINTE I 15:33
Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo.
Explore KWABASEKORINTE I 15:33
4
KWABASEKORINTE I 15:10
Ke ngobabalo lukaThixo ndiyinto endiyiyo, nobabalo lwakhe kum alubanga nakulambatha; ndesuka ndabagqitha bonke ngokubulaleka; ingendim ke, ilubabalo lukaThixo olunam.
Explore KWABASEKORINTE I 15:10
5
KWABASEKORINTE I 15:55-56
Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho? Luphi na, Hadesi,• uloyiso lwakho? Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.
Explore KWABASEKORINTE I 15:55-56
6
KWABASEKORINTE I 15:51-52
Yabonani, ndinixelela imfihlelo: Okunene asiyi kulala ukufa sonke; kodwa siya kwenziwa ngakumbi sonke, ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela. Kuba liya kulila ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senzìwe ngakumbi ke thina.
Explore KWABASEKORINTE I 15:51-52
7
KWABASEKORINTE I 15:21-22
Kuba ekubeni kaloku kungomntu ukufa, kukwangomntu ukuvuka kwabafileyo. Kuba, njengokuba kuye uAdam bafa bonke, ngokunjalo nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke
Explore KWABASEKORINTE I 15:21-22
8
KWABASEKORINTE I 15:53
Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi.
Explore KWABASEKORINTE I 15:53
9
KWABASEKORINTE I 15:25-26
Kuba umelwe yena kukuthi alawule, ade azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba. Olokugqibela utshaba oluya kubhangiswa kukufa
Explore KWABASEKORINTE I 15:25-26
YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy
Home
Bible
Plans
Videos