Ivangeli ka‐Luke 21
21
1Wati akubeka pezulu wabona abazityebi befaka iminikelo yabo endaweni yendyebo. 2Wabona nomhlolokazi otile obuhlwempu efaka kona imalanyana zimbini. 3Waza wati: Ngenyaniso nditi kuni: Lomhlolokazi olihlwempu ubagqitisile bonke ngokufaka: 4ngokuba bonke aba bebefaka eminikelweni katixo kubo ubuninzi babo; kodwa lo kuko ukuswela kwake ebefaka kwa konke abenokupila ngako.
5KEKALOKU nxa abatile bebeteta ngayo itempile, ukuba ihonjiwe ngamatye amahle nangamabaso, wati: 6Ezizinto enizikangelayo, kuya kuza imihla ekuyo kungayi; kushiywa elinye ilitye pezu kwelinye, elingayi kuwiswa pantsi.
7Baza bambuza, besiti: Mfundisi! zobako ninina pofu ezizinto? kanjalo woba yinto nina umqondiso, xeshekweni ezizinto ziza kuhla?
8Wayesiti yena: Lumkani, ize ningakohliswa. Ngokuba abaninzi beya kuza egameni lam, besiti: Mna ndinguye; kanjalo ixesha selikufupi: zeningayi ke emva kwabo. 9Kodwa xeshekweni nizivayo imfazwe nempitimpiti, musani ukwetuswa; ngokuba ezizinto zifanele ukuhla tanci; kodwa ukupela akuko kamsinya. 10Wandula wati kubo: Uhlanga luya kuvukela uhlanga, nobukumkani buya kuvukela ubukumkani; 11zaziya kubako izingcangcazelo ezikulu zomhlaba ngendawo ngendawo, nendlala, nezifo ezibubisayo; yobako nemibono eyoyikekayo nemiqondiso emikulu ivela ezulwini. 12Kodwa baya kuti zingekabiko zonke ezizinto, babeke izandla zabo pezu kwenu, banitshutshise, beninikela ezindlwini zentlanganiso nasezintolongweni, nisiwa pambi kwokumkani nenkosi ngenxa yegama lam: 13okuya kuba yinzuziso yokunqi̔na kwenu. 14Kumiseleni ngoko ezintliziyweni zenu, ukuba aniyi kucinga ngapambili ukuzitetelela kwenu: 15ngokuba ndiya kuninika umlomo nobulumko, abaya kuti bonke abalane benu bakohlwe kukupika nokumelana nabo. 16Kanjalo niya kungcatshwa nangabazali, nabazalwana, nezalamane, nezihlobo; ewe bonifisa inxenye: 17naniya kutiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam. 18Kanti akuyi kutshabalala nalunye unwele kwintloko yenu. 19Ngokunyamezela kwenu yilondolozeni imipefumlo yenu.
20Kekaloku xeshekweni niyibonayo i‐Yerusaleme ingqongiwe yimikosi, yazini oko ukuba sekukufupi ukuci̔takaliswa kwayo. 21Mabati oko abo base‐Judeya basabele ezintabeni; nabo bapakati kwayo mabemke kona; nabo basezindleni mabangangeni kuyo. 22Ngokuba iyimihla yempindezelo le, yokuba kuzaliseke zonke izinto eziba̔liweyo.
23Hai kodwa ubunzima babo abamitiyo nabanyisayo kuleyomihla! ngokuba kuya kubako ubunzima obukulu elizweni, nomsindo pakati kwabantu aba. 24Babeya kuwa ngohlangoti lweṙele, batinjelwe kuzo zonke intlanga; ne‐Yerusaleme yoba inyatelwa ngabaheyideni, ade amaxesha abaheyideni azaliseke.
25Kwakuya kubako imiqondiso elangeni, nasenyangeni, nasezinkwenkwezini; napezu kwomhlaba usizi olunzima lwentlanga ekuxakekeni; lugquma ulwandle namaza; 26zibohla intliziyo zabantu ngokwoyika nokukangela izinto ezizayo emhlabeni: ngokuba amandla asezulwini eya kuzanyazanyiswa. 27Bandule ukubona unyana wesintu esiza elifini, enamandla nobungcwalisa obukulu. 28Kekaloku zakuba ezizinto ziqala ukuhla, bekani pezulu, nipakamise intloko zenu; ngokokuba kusondela ukukululwa kwenu.
29Waza wateta umzekeliso kubo: Kangelani umkiwane, nayo yonke imiti. 30Xeshekweni isel’ itwasa, niyabona nazi ngokwenu ukuba lise likufupi ihlobo: 31kwa njalo nani, xeshekweni nibona ezizinto zisihla, yazini ukuba bukufupi ubukumkani bukatixo. 32Ngokwenene nditi kuni: Asiyi kuza sidlule isizukulwana esi, zingekenzekanga zonke. 33Kwodlula izulu nomhlaba; kodwa amazwi am akayi kuza adlule.
34Zilumkeleni ke, hleze kezenzwe nzima intliziyo zenu ngokudikwa, nangokunxila, nangezitukutezi zobubomi, ize iti imini leyo inifikele ngokwalama: 35ngokuba njengomgibe iya kuza pezu kwabo bonke abahleli pezu kwobuso bomhlaba wonke. 36Papamani ngoko ngamaxesha onke nitandaza, ukuze nibalwe ngokuba nifanele ukusinda kwezizinto zonke eziza kuhla, nokuma pambi kwake unyana wesintu.
37Waye kekaloku ngemini efundisa etempileni; wati ngobusuku epuma walalisa entabeni ebizwa ngokuti yeyeminquma. 38Baye bonke abantu besiza kusasa kuye etempileni, ukuza kumva.
Избрани в момента:
Ivangeli ka‐Luke 21: XHO1902A
Маркирай стих
Споделяне
Копиране
Искате ли вашите акценти да бъдат запазени на всички ваши устройства? Регистрирайте се или влезте
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.