Uyabona, uya kuthabatha esizalweni, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu. Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide, uyise. Uya kuba ngukumkani phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade; ubukumkani bakhe abuyi kuba nasiphelo.