1
ULUKA 12:40
IBHAYIBHILE
XHO96
Nani ke ngoko hlalani niphaphile, kuba uNyana woLuntu woza ngexesha eningamlindelanga ngalo.”
對照
探尋 ULUKA 12:40
2
ULUKA 12:31
Zondelelani ukulawulwa nguye; zothi ke zonke ezo zinto zongezelelwe kuni.”
探尋 ULUKA 12:31
3
ULUKA 12:15
Wathi kubo: “Kulumkeleni konke ukubawa, kuba ubomi bomntu abuxhomekekanga ebuninzini bezinto anazo.”
探尋 ULUKA 12:15
4
ULUKA 12:34
Kaloku apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho kwanentliziyo yenu.”
探尋 ULUKA 12:34
5
ULUKA 12:25
Nguwuphi na kuni onokuthi ngokuxhala ongeze nentwana le ebudeni bobomi bakhe?
探尋 ULUKA 12:25
6
ULUKA 12:22
Waza ke uYesu wathi kubafundi bakhe: “Kungoko ndithi kuni: musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi notya ntoni na; ningawuxhaleli nomzimba wenu, nisithi nonxiba ntoni na.
探尋 ULUKA 12:22
7
ULUKA 12:7
Kwaneenwele ezi zeentloko zenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentakana ezininzi nina.”
探尋 ULUKA 12:7
8
ULUKA 12:32
“Musani ukoyika, mhlambi omncinane, kuba kukholekile kuYihlo ukunamkelela kulawulo lwakhe olutsha.
探尋 ULUKA 12:32
9
ULUKA 12:24
Qondani ngamahlungulu la. Wona akahlwayeli, engavuni nokuvuna; akanasisele, engenavimba; kanti noko uThixo uyawondla! Ke nina nibeke phi na ukuxabiseka kuneentaka!
探尋 ULUKA 12:24
10
ULUKA 12:29
Nize ke ningaxhalabi nifuna ukuba ningatya ntoni na, nisele ntoni na!
探尋 ULUKA 12:29
11
ULUKA 12:28
Ukuba ke uThixo wenjenje ukuyambesa ingca, yona isendle namhlanje, ize ngomso iphoswe eziko, wobeka phi na ukunambesa nina, bantundini balukholo luncinane!
探尋 ULUKA 12:28
12
ULUKA 12:2
Akukho nto ifihliweyo ingayi kudizwa, nanto igqunyiweyo ingayi kwaziwa.
探尋 ULUKA 12:2
首頁
聖經
計畫
視訊