KAYOHANE II 1:6-9

Lulo ke olu uthando, ukuba sihambe ngokwemithetho yakhe. Nguwo lo umthetho, njengokuba nevayo kwasekuqalekeni, ukuba nihambe kuwo. Ngokuba kungene abalahlekisi abaninzi ehlabathini, abangamvumiyo uYesu Kristu esiza esenyameni. Lowo ngumkhohlisi nomchasi-Kristu. Zilumkeleni, ukuba singalahlekani nezinto esizisebenzileyo; masamkele umvuzo ozalisekileyo. Bonke abagqithayo, abangahlaliyo emfundisweni kaKristu, àbanaThixo; ohleliyo emfundisweni kaKristu, lowo unaye uYise noNyana.
KAYOHANE II 1:6-9