Ukusebenzisa ixesha lakho ku ThixoIsampulu
Ukuseta iShedyuli Yakho
Ixesha lakho lokuzonwabisa lisebenzisele ukuleqa izinto ezinika ubomi. Ukufunda kuyindlela exabisekileyo yokusebenzisa ixesha. UAugustine wakha wacebisa amakholwa ukuba afunde izinto ezininzi kangangoko anako, njengokuba yonke inyaniso iyinyaniso kaThixo. eminye imisebenzi yabucala eyakhayo ikwe zobugcisa. Ndiyakonwabela ukwenza iiphazile zamagama ukufudumeza iiseli ezincinci ezingwevu zengqondo ndandise imbonakalo yam yokuzivakalisa.
Fumana iindlela zokuqhatha umgcini xesha. Umkhwa wam kukuyolala phakathi kwentsimbi yesi-8 neye-9 ebusuku. xa ndikwazi kwaye ndivuke ngo-4 ekuseni. Oku kuye kwachaphazela ishedyuli yam ngendlela entle emangalisayo. Eza awari zasekuseni azinaziphazamiso, ixesha elihle kakhulu lokufunda, ukubhala nokuthandaza.
Sebenzisela ixesha lokuqhuba ekufundeni. Ukuqhuba yinto engadingi ukuba usebenzise ingqondo kakhulu ivumela ingqondo ukuba ikwazi ukuqwalasela nezinye izinto hayi okwenzeka endleleni kuphela. Iinzuzo zomamela ushicilelo ungazisebenzisa kakhulu ngelixesha.
Okokugqibela, kwiimeko ezininzi, ishedyuli iyakhulula kunoku bophelela. Ukusebenza ngeshedyuli kunceda kakhulu ekulungelelaniseni ixesha lethu. Ishedyuli mayibe ngumhlobo wakho, hayi utshaba. Isinceda ekufumaneni isingqi sobomi obuzukisa uThixo, nobunemveliso.
Coram Deo: Ukuphila phambi kobuso bukaThixo
Ukuba awunayo ishedyuli, zenzele kwaye uyisebenzise kuleveki yonke, uze uvavanye ukuba ikuncede kanjani ekongeni ixesha. Ukuba sele unayo, ziphe ixesha lokuyihlolisisa uze uthandaze ngezona zinto zibalulekileyo kuwe.
Copyright © Ligonier Ministries. Fumana incwadi yasimahla ku R.C. Sproul ku Ligonier.org/freeresource.
Malunga nesi Sicwangciso
Iintsuku ezine zokuzinikela ngokuka R.C. Sproul ekusebenziseni ixesha lakho ku Thixo. Usuku ngalunye lokuzinikela likubizela ekubeni uphile ebukhoneni buka Thixo, phantsi kwamandla ka Thixo, kuzaliseke udumo luka Thixo.
More