Ukusebenzisa ixesha lakho ku ThixoIsampulu
Ukubetha ixesha
Ndifunde amaqhinga ambalwa okundinceda ndibethe ixesha. Asenokuba luncedo kuwe.
Ndiyaqonda ukuba lonke ixesha lam lixesha likaThixo kwaye lonke ixesha lam lixesha lam ngokuthunywa nguye. NdingokaThixo kwakunya nexesha lam. Ukanti, undinike umlinganiselo wexesha endiligosa phezu kwalo. Ndiyakwazi ukulibophelela elo xesha ekusebenzeleni abanye abantu, ekutyeleleni abanye abantu, njalo-njalo., kodwa lixesha endizakuphendula ngalo.
Ixesha linokubuyiselwa ngokugxila nokugqalela. Enye yeyona nkcitho zinkulu zexesha yenzeka engqondweni yomntu. Izandla zethu zinokuxakeka kodwa iingqondo zethu zibe zingasebenzi. Ngokufanayo, izandla zethu zisenokungasebenzi ngoxa iingqondo zethu zixakekile. Ukuthena uboya, ukuphupha emini, kunye nokuzifica kwintelekelelo engenamsebenzi ziindlela apho iingcinga zinokuchithwa ngexesha lokwenyani. Ukujolisa iingqondo zethu kumsebenzi esiwenzayo—ngokunikela ingqalelo ebukhali—kwenza ixesha lisebenziseke ngendlela enemveliso.
Ingqondo inokukhulula ixesha elixabisekileyo elithathwa yimisebenzi eqhelekileyo okanye ongayi thatheli ngqalelo. Umzekelo, ubuchwephesha bokuhlamba abukho nzima. Kolu useto, ingqondo ikhululekile ekusombululeni ingxaki, ukucinga ngobuchule, okanye ukuqulunqwa kwemixholo. Uninzi lwemiyalezo yam kunye neentetho zam luhluma kwishawari. Ngokuya ndandidlala igalufa kakhulu, ndafumanisa ukuba ixesha endandinalo phakathi kokudubula yayilixesha elihle lokuqamba imiyalezo engqondweni yam.
Coram Deo: Ukuphila phambi kobuso bukaThixo
Qaphela apho ugxininisa khona ingqondo yakho namhlanje. Zama ukubuyisela ixesha elixabisekileyo elichithwa yimisebenzi eqhelekileyo kunye noyenza ungacinganga ngokucinga izinto zexabiso lanaphakade.
Copyright © Ligonier Ministries. Fumana incwadi yasimahla ka R.C. Sproul ku Ligonier.org/freeresource.
Malunga nesi Sicwangciso
Iintsuku ezine zokuzinikela ngokuka R.C. Sproul ekusebenziseni ixesha lakho ku Thixo. Usuku ngalunye lokuzinikela likubizela ekubeni uphile ebukhoneni buka Thixo, phantsi kwamandla ka Thixo, kuzaliseke udumo luka Thixo.
More