Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ukusebenzisa ixesha lakho ku ThixoSample

Using Your Time for God

Usuku 2 LWE 4

Ukubuyisela ixesha lakho.

Ixesha yeyonanto elinganisayo. Sesona sibonelelo esinikwa ngokulingana gqibelele. Umntu ngamnye ophilayo unenani elilinganayo lee yure zokusebenza imihla yonke. Abantu abaxakekileyo abanikwa bhasela yee yure ezongezekileyo ngemini kuba kusithiwa bona baxakekile. Ixesha alinamkhetha.

.

Sonke sinexesha elilinganayo yonke imihla. Into esohluke ngayo yindlela esilibuyisela ngayo ixesha esilinikiweyo. Xa into ibuyiselwe, lonto ithetha ukuba ihlangulwe okanye ithengiwe ukususwa kwisimo esigwenxa. Esona simo sigwenxa esizikhathaza ngaso seso sencitho. Ukuchitha ixesha ke kukwenza izinto ezingabalulekanga okanye ezibaluleke kancinane.

Ongasekhoyo u Vince Lombardi waza nentetha ethi “Zange ke ndahlulwa ngumdlalo, nto nje ndishiywe lixesha.” Le ngcaciso ke indikhomba kwenye yeendida kwezemidlalo - ukuleqa ixesha. Elona qela linemveliso enkulu kunelinye kwixesha eliqingqiweyo lilo eliphumelelayo emdlalweni. Ewe ke emdlalweni, nangona kungenjalo ebomini, zikhona izibonelelo zokumiswa kwexesha. Ixesha kumdlalo wokhuphiswano liyakwazi ke limiswe okomzuzwana. Kodwa ebomini ayikwazi ukwenzeka loo nto yokumiswa kwexesha okomzuzwana.

Coram Deo: Ukuphila phambi kobuso buka Thixo

Cela uThixo akutyhilele iindlela onokubuyisela ngazo ixesha olichitha kwizinto ezingabalulekanga okanye ezibaluleke kancinane.

Copyright © Ligonier Ministries. Fumana incwadi epheleleyo ku R.C. Sprout apha Ligonier.org/freeresource.

Day 1Day 3

Malunga nesi Sicwangciso

Using Your Time for God

Iintsuku ezine zokuzinikela ngokuka R.C. Sproul ekusebenziseni ixesha lakho ku Thixo. Usuku ngalunye lokuzinikela likubizela ekubeni uphile ebukhoneni buka Thixo, phantsi kwamandla ka Thixo, kuzaliseke udumo luka Thixo.

More

Sithanda ukubulela iLigonier Ministries ngokusinika esisicwangciso. Ukufumana ulwazi olugcweleyo, yiya ku Ligonier.org/youversion