Ukusebenzisa ixesha lakho ku ThixoIsampulu
Ukusebenzisa Ixesha Lakho Ngokunemveliso
Ngokuya ndandisengumntwana kwisikolo samabanga aphantsi, abantu babedla ngokundibuza, “Sisiphi isifundo osithandayo?" Ngokungaguquguqukiyo impendulo yam yayibayenye yezinto ezimbini. Mhlawumbi ndithi, "ikhefu" okanye "ijimu." Impendulo yam yayityhila ukhetho lwam olunzulu. Ndandikhetha ukudlala kunomsebenzi. Ngokwenene, yayiyi yintanda-bulumko yam esakhulayo malunga le ngezendalo "Ngoba?" imibuzo yayivela njengokuba ndandisenza umdlalo wokuhamba ndisiya esikolweni ndicondoba ngeenzwane kwindlela ende, ndizenza umntu ohamba ngocingo oluphezulu esekhasini.
Ndandizibuza intsingiselo yobomi bokuba kwakufuneka ndichithe iintsuku ezintlanu evekini ndisenza into endingayifuniyo ukuze nje ndidlale ngeempelaveki. Ndandisoloko ndikwiyadi yesikolo iyure epheleleyo ngaphambi kokuba isikolo siqalise—kungekuba ndinenzondelelo yokuqalisa izifundo zam, kodwa ukuze “ndibuyise” ukwenza kwemihla ngemihla ngokuba nolonwabo oluxabisa iyure yonke ebaleni lokudlala phambi kokuba intsimbi yesikolo ibethe. Kum, ukubuyisela ixesha kwakuthetha ukusindisa imizuzu exabisekileyo yokudlala kwiiyure ezifunekayo zokusebenza.
Ndifumanise ukuba xa umpostile uPawulos wayebongoza abafundi bakhe ukuba "(babuyise) ixesha, kuba akho amaxesha amabi" (kwabase-Efese 5:16), izenzo zam ayiyo kanye lento wayeyicinga. Okwakhe yayilubizo lokuba ubani asebenzise ixesha lakhe ngokunemveliso ekusebenzeleni ubukumkani bukaKristu.
Coram Deo: Ukuphila phambi kobuso bukaThixo
Ngaba usebenzisa ixesha lakho ngokunemveliso ebukumkanini bukaThixo?
Copyright © Ligonier Ministries. Fumana incwadi yasimahla ka R.C. Sproul ku Ligonier.org/freeresource.
Malunga nesi Sicwangciso
Iintsuku ezine zokuzinikela ngokuka R.C. Sproul ekusebenziseni ixesha lakho ku Thixo. Usuku ngalunye lokuzinikela likubizela ekubeni uphile ebukhoneni buka Thixo, phantsi kwamandla ka Thixo, kuzaliseke udumo luka Thixo.
More