ISITYHILELO 5:13
ISITYHILELO 5:13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kananjalo zonke izidalwa ezisezulwini, naphezu komhlaba, naphantsi komhlaba, naphezu kolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, ndaziva zisithi: Kulowo uhleli etroneni, nakuyo iMvana, Makubekho ukubongwa, nembeko, nozuko, namandla, Kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
ISITYHILELO 5:13 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke kaloku ndaziva izidalwa nayo yonke indalo, ezulwini nasemhlabeni, phantsi komhlaba naselwandle, zidanduluka zisithi: “Kulowo uhleli esihlalweni sokulawula, nakulo iXhwane, mayibekho indumiso nesithozela, ubungangamsha namandla, ngonaphakade kanaphakade!”
ISITYHILELO 5:13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndaziva zonke izidalwa ezisemazulwini, nezisemhlabeni, naphantsi komhlaba, neziselwandle, neento zonke ezikwezo zinto, zisithi, Makubekho ukubongwa, nembeko, nozuko, namandla, lowo uhleli phezu kwetrone, nakuyo iMvana, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
ISITYHILELO 5:13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nazo zonke izidalwa ezisezulwini, nasemhlabeni, napantsi kwomhlaba, nezo zipezu kwolwandle, nento zonke ezikuzo, ndaziva zisiti: Kulowo uhleli pezu kwayo iterone, nakuyo IMVANA, makubeko umbongo, nembeko, nodumo, namandla, kude kube ngunapakade kanapakade.