IINDUMISO 91:1-16
IINDUMISO 91:1-16 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ohleli esitheni lOsenyangweni, Azilalise emthunzini kaSomandla, Úthi keYehova, Hlathi lam, Mboniselo yam, Thixo wam, endikholose ngaye! Ngokuba ngokwakhe uya kukuhlangula emgibeni womthiyeli, Endyikityeni yokufa eyeyelisayo. Wókugubungela ngeentsiba zakhe, Ùzimele phantsi kwamaphiko akhe. Likhaka, yingweletshetshe inyaniso yakhe. Akuyi koyikiswa zizothuso ebusuku, Nalutolo lubaleka emini; Nandyikitya yakufa ihamba esithokothokweni, Nasifo sibhubhisayo, sibhuqa emini enkulu. Kungawa iwaka ecaleni kwakho, Isigidi ngasekunene kwakho, Kodwa kungasondeli nto kuwe. Wòkhangela ngamehlo akho odwa, Ukubonele ukubuyekezwa kwabangendawo. Ngokuba nguwe, Yehova, ihlathi lam. Ùmenze Osenyangweni ikhaya lakho. Akuyi kuqubisana bubi nawe. Kungafiki sibetho ententeni yakho. Ngokuba izithunywa zakhe úziwisele umthetho ngawe, Ukuba zikugcine ezindleleni zakho zonke. Zokuthwala wena ngezandla zozibini, Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni. Wònyathela phezu kwengonyama nephimpi, Uyinyashe ingonyama entsha nenamba ngeenyawo. Ngokuba enamathele kum, ndomsiza; Ndimse engxondeni, ngokuba elazi igama lam. Wóndibiza, ndiphendule, Ndoba naye embandezelweni; Ndomhlangula, ndimzukise; Ndimanelise ngemihla emide, Ndimbonise ukusindisa kwam.
IINDUMISO 91:1-16 IBHAYIBHILE (XHO96)
Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke, uhlala esemthunzini kaSomandla. Yena uya kuthi: “*Ndikhoyo, ungumkhuseli wam; uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.” Kuba nguye okuhlangula emgibeni wabakugcayiseleyo nakubhubhani wesifo, akwambathise ngamaphiko akhe, akufihle ekhusini lakhe, kube likhaka nekhuselo lakho ukuthembeka kwakhe. Akuyi koyika zingozi zasebusuku, nakuhlaselwa ngequbuliso emini, nabhubhani wangobusuku, nasifo sigqugqisayo emini emaqanda. Nokuba kungawa iwaka ecaleni kwakho, neshumi lamawaka liwe likungqonge, akusayi kuchukunyiswa nto wena. Uya kuqwalasela ukubone ngamehlo akho ukohlwaywa kwawo amatshijolo. Ngenxa yokuba uthembele ngoNdikhoyo, wamenza umkhuseli wakho uPhezukonke, akuyi kuhlelwa bubi; akuyi kusondela nasibetho emzini wakho. Kaloku woziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe wokuba zikugcine endleleni yakho, zikufunqule hleze ukhubeke elityeni. Wonyathela phezu kweengonyama neenyoka, unyhashe amathol' eengonyama noogqoloma. Ngenxa yokuba endithanda, ndomhlangula; ndimphakamise, kuba elazi igama lam. Akuzibika kum, ndiya kumva; ndiya kuba naye ezimbandezelweni, ndimhlangule, ndimbek' ezimbekweni, ndimvuze ngobomi obude, ndimbonise ukuba ndiyasindisa.
IINDUMISO 91:1-16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ulolala emthunzini woSomandla. Ndithi ke kuYehova, Uyindawo yam yokusabela, negwiba lam; Ndiya kumthemba. Ewe, uya kukuhlangula emgibeni womthiyeli, nakwindyikitya yokufa ebetha intliziyo. Wokugubungela ngeentsiba zakhe, Ukholose phantsi kwamaphiko akhe; Yingweletshetshe yakho nengweletshetshe yakhe. Musa ukoyika ngenxa yonkwantyiso lwasebusuku; nokuba ungumzingeli obhabha emini; kananjalo asiyindyikitya yokufa ehamba ebumnyameni; nokuba yinkunkuma echitha imini. Kuya kuwa iwaka ecaleni kwakho, neshumi lamawaka ngasekunene kwakho; kodwa ayiyi kusondela kuwe. Uya kubona kuphela ngamehlo akho, Uwubone umvuzo wongendawo. Ngokuba umenzile uYehova, indawo yam yokusabela, umenze Oyena Uphakamileyo waba likhaya lakho; Akuyi kwehlelwa bubi, ukufa akuyi kusondela ententeni yakho. Ngokuba uya kuziwisela umthetho izithunywa zakhe ukuba zikugcine ezindleleni zakho zonke. Ziya kukuthwala ngezandla, Hleze ubetheke etyeni unyawo lwakho. Uya kuzinyathela ingonyama nezizwe; uya kunyathela ingonyama nenamba. Ngokuba endithanda, ndomsindisa; Ndiya kumphakamisa, ngokuba elazi igama lam. Wondibongoza, ndiphendule, Ndoba naye embandezelweni; ndiya kumkhulula ngentlawulelo, ndiya kumzukisa; Ndiya kumanelisa imihla emide, ndilubone usindiso lwam.
IINDUMISO 91:1-16 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
OMIYO emfihlelweni yopezu kwonke, uya kuhlala emtunzini wonamandla onke. Sendiya kuti NGOYEHOVA: Yindawo yam yokupepela, nenqaba yam; NGUTIXO wam; ndiya kutembela kuye. Ngenyaniso wokuhlangula esigwini somtiyeli wentaka, nasesifeni esibubisayo kakulu. Wokugubungela ngentsiba zake, nangapantsi kwamapiko ake uya kutemba: inyaniso yake ilikaka, nekakana. Akuyi kwoyika isituso sasebusuku, notolo olubalekayo emini, nesifo esibu̔bisayo esihambayo ebumnyameni, nesitshabalaliso esitshabalalisayo emini enkulu. Kwowa iwaka ecaleni lako, neshumi lamawaka ngesokunene sako; kuloko kungayi kusondela kuwe. Uya kukangela kodwa ngamehlo ako, ubone ukuvuzwa kwabakohlakeleyo. Ngenxa yokuba UYEHOVA, indawo yam yokupepela, lo upezu kwonke, umenzile ikaya lako, akuyi kuhlelwa bububi, nesibulalo asiyi kusondela endlwini yako. Ngokuba eya kuyalela ingelosi zake ngawe, ukuba zikugcine ezindleleni zako zonke. Zokufunqula ngezandla, hleze uku̔bekise unyawo lwako ngasetyeni. Uya kunyatela pezu kwengonyama neṙamba; ingonyama entsha nenamba uya kuzinyatela ngenyawo. Ngokuba enditandile kakulu, kukona ndiya kumkulula; ndiya kumbeka enyangweni, ngokuba elazile igama lam. Uya kubiza kum, ndimpendule ke; ndoba naye ebunzimeni; ndomkulula, ndimnike udumo. Ndiya kumkolisa ngobude bemihla, ndimbonise usindiso lwam.