IINDUMISO 34:1-22
IINDUMISO 34:1-22 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndohlala ndimbonga *uNdikhoyo; andisayi kuyeka ukumdumisa. Ndoqhayisa ngezinto andenzele zona uNdikhoyo, batsho bavuye abo babandezelekileyo. Mbongeni uNdikhoyo, kunye nam; masilidumise kunye igama lakhe. Ndazibika kuNdikhoyo waza wandiva, wandikhulula kuko konke ukoyika kwam. Abacinezelweyo bathembela kuNdikhoyo, bagcobe; ewe, abasayi kuze badakumbe bona. Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo, walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo. Bonke abahlonela uNdikhoyo isithunywa sakhe siyabakhusela, sibahlangule. Khanibuxhamle ububele bukaNdikhoyo; ngenene unoyolo umntu othembela ngoNdikhoyo! Mhloneleni uNdikhoyo, nina milowo yakwakhe, kuba abayi kuswela nto abo bamhlonelayo. Neengonyama ziyaswela zilambe, kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo. Yizani, lusatshana; ndiphulaphuleni; ndonifundisa ukuhlonela uNdikhoyo. Lowo unga angadla ubomi, abe nenkqubela, lowo unga angafumana imihla emnandi, makazilumle ekuthetheni kakubi, ayeke ukuthetha ubuxoki; makahlukane nobubi, enze okulungileyo; makaphuthume uxolo, ahlale kulo. Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa, uyayiva imithandazo yawo; kodwa ubafulathele abenzi bobubi, abaphanzise bangabi sakhunjulwa emhlabeni. Uyaweva amalungisa akuzibika kuye, awakhulule kuzo zonke iinzima zawo. UNdikhoyo ukufuphi nâbo badakumbileyo, ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba. Zininzi iingxaki ezivelela ilungisa, kodwa uyalikhulula kuzo zonke uNdikhoyo; uwagcina onke amathambo alo, kungaphuki nalinye kuwo. Abantw' abagwenxa bobulawa ngobubi babo, bagwetywe abo balithiyayo ilungisa. UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe; bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa.
IINDUMISO 34:1-22 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndiya kumbonga uYehova ngamaxesha onke, Ihlale isemlonyeni wam indumiso yakhe. Úya kuqhayisa umphefumlo wam ngoYehova; Bova abalulamileyo, bavuye. Menzeni mkhulu kunye nam uYehova, Siliphakamise kunye igama lakhe. Ndamfuna uYehova, wandiphendula; Wandihlangula kwiinto zonke endinxunguphala zizo. Babheka kuye, bakhazimla; Ubuso babo àbaba nazintloni. Usizana lwadanduluka, weva uYehova, Walusindisa ezimbandezelweni zalo zonke. Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo, Sibahlangule. Yivani, nibone ukuba ulungile uYehova. Hayi, uyolo lomfo ozímela ngaye! Moyikeni uYehova, nina bangcwele bakhe, Ngokuba abanakuswela abamoyikayo. Iingonyama ezintsha ziyaswela, zilambe; Ke bona abamfunayo uYehova abasweli nanye into elungileyo. Yizani, bonyana, phulaphulani kum; Ndonifundisa ukoyika uYehova. Ngubani na umntu obungxameleyo ubomi, Othanda imihla yokubona okulungileyo? Gcina ulwimi lwakho ebubini, Umlomo wakho ungathethi nkohliso. Suka ebubini, wenze okulungileyo; Funa uxolo, uluphuthume. Amehlo kaYehova akumalungisa, Iindlebe zakhe zisekuzibikeni kwawo. Ubuso bukaYehova bujonge abenzi bokubi, Ukuba akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo. Akhala, weva uYehova; Wawahlangula ezimbandezelweni zawo zonke. Ùsondele uYehova kwabantliziyo zaphukileyo, Àbasindise abamoya utyumkileyo. Buninzi ububi obulihlelayo ilungisa, Ke uYehova ulihlangula kubo bonke. Ùyawagcina onke amathambo alo, Akwaphuki nalinye kuwo. Ububi buyambulala ongendawo; Abathiyi belungisa bayalithwala ityala. UYehova uyawukhulula umphefumlo wabakhonzi bakhe, Bangàthwali tyala bonke abazimela ngaye.
IINDUMISO 34:1-22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Umhobe kaDavide, ekuphambukeni kwakhe kuAbhimeleki, wamndulula, wemka. Uya kuqhayisa umphefumlo wam ngoYehova; Mbongeni uYehova kunye nam, siliphakamise kunye igama lakhe. Ndamfuna uYehova, wandiva, Wandihlangula kuzo zonke iimbandezelo zam. Bakhangela kuye, bakhazimla, baza ubuso babo baba nazintloni. Ladanduluka elihlwempu, weva uYehova, wayihlangula kuzo zonke iimbandezelo zayo. Ingelosi kaYehova yehla ibajikeleza abo bamoyikayo, ize ibasindise. Ngcamlani nibone ukuba ulungile uYehova; Hayi, uyolo lomntu okholose ngaye! Moyikeni uYehova, nina bangcwele bakhe, Kuba abaswele nto abamoyikayo. Iingonyama ezintsha ziswele, zilambile; ke bona abamfunayo uYehova abasweli nto ilungileyo. Yizani, bonyana, ndiphulaphuleni, ndinifundise ukumoyika uYehova. Ngubani na umntu obuthandayo ubomi, othanda imihla emininzi, ukuze abone okulungileyo? Gcina ulwimi lwakho ebubini, Nomlomo wakho enkohliso. Suka ebubini, wenze okulungileyo; funa uxolo, uluphuthume. Amehlo kaYehova akumalungisa, uyakuva ukukhalela kwawo uncedo. Ubuso bukaYehova bujonge abenzi bokubi, ukuba akuphelise ehlabathini ukukhunjulwa kwabo. Amalungisa ayabiza, uyaweva uYehova, Awahlangule kuzo zonke iimbandezelo zawo. Usondele uYehova kwabantliziyo yaphukileyo; usindise abatyhafileyo intliziyo. Zininzi iimbandezelo zelungisa, kodwa uYehova uyalihlangula kuzo zonke. Uyawagcina onke amathambo alo; akukho namnye kubo owaphukileyo. Ububi buya kubabulala abangendawo, nabathiyayo amalungisa babe yintlango. uYehova uyawukhulula umphefumlo wabakhonzi bakhe, yaye akukho namnye kwabakholose ngaye oya kuba yintlango.
IINDUMISO 34:1-22 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NDIYA kumbonga UYEHOVA ngamaxesha onke; udumo lwake luya kuba semlonyeni wam futi. Umpefumlo wam uya kuqa̔yisa NGOYEHOVA; abalulamileyo bova bavuye. Yenzani nam ukumenza mkulu UYEHOVA; masipakamise kunye igama lake. Ndafuna UYEHOVA, wandipendula ke, wandikulula kuzo zonke izoyiko zam. Bakangela kuye, bakanyiswa ke; ubuso babo bebungenakudana. Elihlwempu labiza, wati UYEHOVA weva, walisindisa kuzo zonke imbandezelwa zalo. Ingelosi KAYEHOVA iyamela abo bamoyikayo ngokungqonga, ibakulule. Yivani nibone ukuba UYEHOVA ulungile; unetamsanqa lomntu umtembayo. Yoyikani UYEHOVA, nina bangcwele bake! ngokuba kungeko kuswela kwabo bamoyikayo. Ingonyamana ziyaswela, zive ukulamba; kodwa abafuni BAKAYEHOVA abayi kuswela nto ilungileyo. Yizani, lusapo! nipulapule kum; ndiya kunifundisa ukwoyika UYEHOVA. Nguwupina lomntu okanuka ukudliwa kwobomi, otanda imihla, ukuze abone ukulunga? Bamba ulwimi lwako lungayi enkohlakalweni, nomlomo wako ungateti inkohliso. Suka enkohlakalweni, wenze okulungileyo; funa uxolo, uluputume ke. Amehlo KAYEHOVA angakubo abalungileyo, nendlebe zake zingakuko ukukala kwabo. Ubuso BUKAYEHOVA bungakubo abenzi benkohlakalo, ukuze kunqanyulwe ukukunjulwa kwabo emhlabeni. Bayakala abalungileyo, uyeva ke UYEHOVA; nakuzo zonke imbandezelwa zabo uyabahlangula. UYEHOVA ukufupi nabo banentliziyo eyapukileyo; uyasindisa abo banomoya ogqobokileyo. Zininzi intsizi zolungileyo, kodwa kuzo zona zonke UYEHOVA uyamkulula. Uyagcina amatambo ake onke; akuko nalinye kuwo elapulwayo. Ububi buya kubulala okohlakeleyo; nabo batiya olungileyo bomiselwa ityala. UYEHOVA uyakulula imipefumlo yezicaka zake: nabatemba yena akuko namnye oya kumiselwa ityala.