IINDUMISO 119:9-11
IINDUMISO 119:9-11 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe? Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho. Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke; Musa ukundilahlekanisa nemithetho yakho. Ndiyibeké intetho yakho entliziyweni yam, Ukuze ndingoni kuwe.
IINDUMISO 119:9-11 IBHAYIBHILE (XHO96)
Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu? Ngokuthobela ilizwi lakho. Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo; ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho. Ndihamba ngokomlomo wakho, khon' ukuze ndingoni.
IINDUMISO 119:9-11 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
BETH. Lo mfana uya kuyicoca ngantoni indlela yakhe? Ngokuyinikela ingqalelo kuyo ngokwelizwi lakho. Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke; musa ukundilahla emithethweni yakho. Ndiligcine ilizwi lakho entliziyweni yam, ukuze ndingoni kuwe.
IINDUMISO 119:9-11 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Indodana iya kucokisa nganto nina indlela yayo? Ngokuyigcina njengokwelizwi lako. Ndikufunile ngentliziyo yam yonke; zungavumeli ukuba ndilahlekane nemiyalelo yako. Ilizwi lako ndilibekele entliziyweni yam, ukuze ndingoni ngakuwe.