IMIZEKELISO 14:1-19
IMIZEKELISO 14:1-19 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ubulumko bomfazi buyayakha indlu yakhe; Ukumatha kuyayichitha ngezakhe izandla. Uhamba ngokuthe tye owoyika uYehova; Uthi gu bucala ngeendlela zakhe omdelayo. Lusemlonyeni wesimathane uswazi lwekratshi; Umlomo wezilumko uyazigcina. Apho kungekho nkomo, umkhombe wesitali uba zé; Indyebo eninzi iza ngamandla enkomo. Ingqina elinyanisileyo aliwathethi amanga; Ke lifutha amanga ingqina elixokayo. Umgxeki ufuna ubulumko, angabuzuzi; Ukwâzi kulula konengqondo. Suka ebusweni bendoda esisinyabi; Akuyi kuza wafumana mlomo wokwazi kuyo. Ubulumko bonobuqili bukukuyiqonda indlela yakhe; Ukumatha kwezinyabi yinkohliso. Idini letyala liyazigxeka izimathane; Phakathi kwabathe tye yimvisiswano. Intliziyo iyabazi ubukrakra bayo ngokwayo; Omnye umntu akanakuzingenisa eluvuyweni lwayo. Indlu yabangendawo iyatshatyalaliswa; Ke intente yabathe tye iyatyatyamba. Kukho indlela ethe tye phambi komntu, Ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa. Nasekuhlekeni intliziyo inomvandedwa; Nokuphela kwalo uvuyo sisingqala. Uhlútha ziindlela zakhe ontliziyo ishenxileyo; Umntu olungileyo uhlútha zizenzo zakhe ngokwakhe. Isiyatha sikholwa ngamazwi onke; Onobuqili uyakuqónda ukunyathela kwakhe. Isilumko siyoyika, sisuke entweni embi; Isinyabi siphuphuma umsindo, sizithembile. Ozekanekayo wenza ukumatha; Indoda yamayelenqe ithiyekile. Ilifa leziyatha kukumatha; Abanobuqili banxiba isithsaba sokwazi. Abenzi bobubi basibekeka phambi kwabalungileyo; Abangendawo bema emasangweni amalungisa.

IMIZEKELISO 14:1-19 IBHAYIBHILE (XHO96)
Umfazi onobulumko uyawakha umzi wakhe; kanti ke yena ongenangqondo uyawuchitha ngezakhe izandla. Ohlonela uNdikhoyo uhamba ngokuthe tye; ke yena omdelayo iindlela zakhe ziphambukile. Umntu onekratshi ukuthetha kwakhe kumhlisela ukohlwaywa; ke wona amazwi esilumko ayasikhusela. Apho kungekho nkabi zankomo umkhombe wesitali uba zé; ngamandla enkabi yenkomo kunokuzuzwa ingeniso eninzi. Ingqina elinyanisekileyo alibuthethi ubuxoki, kodwa ke lona elixokayo liphuphuma lulwimi. Umgxeki ubufuna ancame ubulumko, kanti ke yena umntu oqiqayo uluzuza lula ulwazi. Musa ukutshomana nomntu osisiyatha, kuba awuyi kuzuza nto ibhadlileyo emlonyeni wakhe. Ubulumko bomntu onengqondo bumenza ayichane indlela yakhe; ukumatha komntu osisityhakala kubanga inkohliso. Idini letyala elenziwa zizimathane yintlekisa, kanti ke abathe ngqo baxhamla imvisiswano. Intliziyo nganye iyabazi obayo ubukrakra, kanti akukho bani wahlulelana nayo ngovuyo lwayo. Umzi womntu okhohlakeleyo uya kutshatyalaliswa; ke wona umzi womntu othe ngqo uyabalasela. Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emntwini, kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni. Nokuba ubani uyahleka usenokuba nomva-ndedwa, nesiphelo soko kuchwayita sibe sisingqala. Umntu onganyanisekanga uvuna loo nto ayilimileyo, kanti nomntu olungileyo utya isimilo sakhe. Umntu ongaqondiyo ukholelwa yinto yonke; kanti ke yena oqiqayo uhlab' ekhangele. Umntu onengqondo uhlala egcisile, ayiphephe inkathazo; ke sona isityhakala asikhathali, siyatyhuthuza. Umntu ocaphuka msinya wenza izinto zobudenge; umntu onobuqhophololo uyathiywa. Umntu ongaqondiyo uvuna ubutyhakala; ke yena onengqondo uthiwa jize ngolwazi. Abantu abagwenxa baya kuqubuda phambi kwabo balungileyo, bakhahlele emasangweni amalungisa.
IMIZEKELISO 14:1-19 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ubulumko bomfazi buyayakha indlu yakhe; Isinyabi siyayichitha ngezakhe izandla. Uhamba ngobulungisa bakhe uyamoyika uYehova; Ongendawo ngeendlela zakhe uyamdela. Emlonyeni wesinyabi kukho intonga yekratshi; Umlomo wezilumko uyazisindisa. Apho kungekho nkomo, umkhombe uhlambulukile; Ingqina elinyanisileyo aliwathethi amanga; Ke lifutha amanga ingqina elixokayo. Umgxeki ufuna ubulumko, angabufumani, kodwa ukwazi kulula kohlakaniphileyo. Suka ebusweni begeza; Ukuba akuwubonanga umlomo wokwazi. Ubulumko bosisilumko kukuyiqonda indlela yaso; Ukumatha kwezinyabi yinkohliso. Isono sigculela izimathane; Phakathi kwamalungisa yinceba. Intliziyo iyazazi iintlungu zayo; kwaye owasemzini akanxulumani nolonwabo lwakhe. Indlu yabangendawo iyatshatyalaliswa; Ke intente yamalungisa iyachuma. Kukho indlela ethe tye emehlweni omntu, Ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa. Nasekuhlekeni intliziyo inomvandedwa; kwaye isiphelo saloo lonwabo sinzima. Intliziyo ewexukileyo yanelisa iindlela zakhe, yaye umntu olungileyo uhlutha bubomi bakhe. Isimathane sikholwa yinto yonke, Ke sona isilumko siyazazi iindlela zaso. Isilumko siyoyika, sisuke ebubini; Ke sona isinyabi siyaqumba, sikholosile. Ozeka kade umsindo wenza ngobudenge, nomntu oyila ububi uthiyiwe. Ilifa lesimathane kukumatha; Ke zona izilumko zithwele ukwazi. Abenzi bobubi basibekeka phambi kwabalungileyo; nabangendawo emasangweni amalungisa.
IMIZEKELISO 14:1-19 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UMFAZI osukuba elumkile, uyaka indlu yake; kodwa lowo unyabileyo, uyayicita ngezandla zake. Ohambayo ngokulungisa kwake, uyamoyika UYEHOVA; kodwa onokanda emikweni yake uyamdela. Emlonyeni wehilihili kuko uswazi lwer̔atshi; kodwa umlomo wabalumkileyo wobagcina. Nxa kungeko zinkabi, isibaya sizé; kodwa kuko ubuninzi benzuzo ngamandla enkabi. Inqi̔na elinyanisekileyo aliyi kuxoka; kodwa inqi̔na lobuxoki lopimisela ilwimi. Umgxeki uyafuna ubulumko, kanti abuko; kodwa ukwazi kulula konokuqonda. Suka ebusweni bomntu osidenge, ngokuba ungaboni kuye umlomo wokwazi. Ubulumko botelekelelayo, kukuqonda indlela yake; kodwa ubudenge bawo amahilihili, buyinkohliso. Idini letyala liyagculela amahilihili; kodwa pakati kwabalungileyo kuko ukubukwa. Intliziyo iyabazi obayo ubuṙaṙa; kanjalo owasemzini akangedibane novuyo lwayo. Indlu yabakohlakeleyo iya kucitwa; kodwa intente yabalungileyo yohluma. Kuko indlela engati ilungile emntwini, kanti ukupela kwayo kuzindlela zokufa. Kwa sekuhlekeni intliziyo inobuhlungu; nokupela kwalo uvuyo kulusizi. Ohlehlileyo ngentliziyo, wodikwa yeyake imikwa; kodwa umntu olungileyo ukude kuye. Isidenge siyakolwa ngamazwi onke; kodwa otelekelelayo wobonela ekuhambeni kwake. Ilumko liyoyika, lize lipambuke ebubini; kodwa ihilihili likukumele, lingenakukatala. Oqumba msinya uyenza ngobugeza; kanjalo umntu onamaqinga akohlakeleyo uyatiywa. Izidenge zidla ilifa lobugeza; kodwa abatelekelelayo baya kupahlwa ngokwazi. Abangalungileyo bayatoba pantsi ebusweni babalungileyo, nabakohlakeleyo ngasemasangweni abalungisayo.