IMIZEKELISO 1:1-7
IMIZEKELISO 1:1-7 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Amazwi kaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wakwaSirayeli; Ubazi ubulumko noqeqesho; ukunakana kwamagama engqiqo; yokwamkela imfundiso yobulumko, nesiko, nesiko, nobulungisa; Ukunika abo bafuna amaqhinga, ulwazi kunye neengcebiso kwabaselula. Oweva osisilumko, aqokele afunde; Umntu onengqondo uya kucebisana nobulumko. Ukuqonda izaci neenkcazelo; Amazwi ezilumko nezintsonkotha zazo. Ukoyika uYehova kukuqala kokwazi; Ubulumko noqeqesho izimathane ziludelile.
IMIZEKELISO 1:1-7 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Imizekeliso kaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wamaSirayeli, Yokuba kwaziwe ubulumko noqeqesho; Yokuba kuqondwe iintetho zengqondo; Yokuba kwamkelwe uqeqesho lwengqiqo, Ubulungisa, nesiko, nokuthe tye; Yokuba izidenge zinikwe ubuqili, Ulutsha lunikwe ukwazi nokunkqangiyela; Ukuze eve osisilumko, aqokele afunde, Oqondayo azuze amacebo obulumko; Yokuba kuqondwe umzekeliso nezafobe zokuthetha, Amazwi ezilumko nezintsonkotha zazo. Ukoyika uYehova kukuqala kokwazi; Ubulumko noqeqesho izimathane ziludelile.

IMIZEKELISO 1:1-7 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ezi zizafobe zikaSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli. Ezi zafobe ziluncedo: umntu ziyamqeqesha, zimnike ubulumko, abe nokuziqonda neentetho ukuba ngaba zezengqondo na. Ewe, zimenza aqeqesheke, akwazi ukuziphatha, abe ngumntu owenza okulungileyo, nothe ngqo engenagobe. Ongekabi namava zimenza abe krele-krele, nomfana atsho akwazi ukwenza izigqibo ngobulumko. Isilumko siyeva, sivune ulwazi; kanti nengcaphephe itsho ifumane amacebo aphilileyo, khon' ukuze ikwazi ukuqonda izaci nezafobe, nditsho amazwi ezilumko nokuntsonkotha kwawo. Isiseko sobulumko kukuthobela *uNdikhoyo, kambe ke zona izityhakala zibujongele phantsi ubulumko nengqeqesho.
IMIZEKELISO 1:1-7 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Amazwi kaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wakwaSirayeli; Ubazi ubulumko noqeqesho; ukunakana kwamagama engqiqo; yokwamkela imfundiso yobulumko, nesiko, nesiko, nobulungisa; Ukunika abo bafuna amaqhinga, ulwazi kunye neengcebiso kwabaselula. Oweva osisilumko, aqokele afunde; Umntu onengqondo uya kucebisana nobulumko. Ukuqonda izaci neenkcazelo; Amazwi ezilumko nezintsonkotha zazo. Ukoyika uYehova kukuqala kokwazi; Ubulumko noqeqesho izimathane ziludelile.
IMIZEKELISO 1:1-7 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
IMIZEKELISO ka‐Solomone, unyana ka‐Davide, ukumkani wo‐Sirayeli; yokuba kwaziwe ubulumko nemfundiso; yokuba kuqondwe iziteto zengqondo; yokuba kwamkelwe imfundiso yobutelekelelo; ubulungisa, nobugwebo, nolungelelwano; yokunika izidenge ubuciko, nomfana ukwazi nentelekeleliso. Ilumko liya kuva, landise ufundo; noqondayo uya kuzuza amaqinga alumkileyo: kuze kuqondwe umzekeliso nenteto esiteleyo, amazwi amalumko nezintsonkotelo zawo. UKWOYIKA UYEHOVA kusisiqalo sokwazi: ubulumko nemfundiso amahilihili ayazidela.