Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEYU 26:1-35

UMATEYU 26:1-35 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Kwathi, xeshikweni uYesu ebewagqibile onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe, Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika, aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni. Bahlanganisana ngoko ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa. Babhunga ukuba bambambe uYesu ngobuqhophololo, bambulale. Babesithi ke, Kungabi ngomthendeleko, hleze kubekho isaqunge phakathi kwabantu. Kwathi, uYesu eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, Kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wamgalela entloko, akubon’ ukuba uhleli ngasesithebeni. Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho? Kuba la mafutha ngekuthengiswe ngawo ngexabiso elikhulu, kwaphiwa amahlwempu. Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? ngokuba undenzele umsebenzi olungileyo. Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; ke mna anihleli ninam. Kuba xa egalele la mafutha aqholiweyo emzimbeni wam, wenzele ukungcwatywa kwam. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye. Ngelo xesha kwaphuma omnye weshumi elinababini, ekuthiwa nguYuda Sikariyoti, waya kubabingeleli abakhulu, Wathi kubo, Ningandinika ntoni na, ndimnikele kuni? Banqophisana naye ngamaqhosha esilivere amashumi mathathu. Waza kwalapho wafuna ithuba elimlungeleyo lokuze amnikele kubo. Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abafundi kuYesu, besithi kuye, Ùfuna ukuba sikulungisele phi na ukuyidla ipasika? Wathi ke yena, Hambani niye kuwo umzi, kuthile, nithi kuye, Uthi uMfundisi, ixesha lam likufuphi; ndiya kuyenzela kwakho ipasika nabafundi bam. Benza ke abafundi njengoko uYesu wayebayalele ngako; bayilungisa ke ipasika. Kwakuhlwa ke, wahlala ngasesithebeni nabalishumi elinababini. Xa badlayo, wathi, Inene ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha. Bakuba buhlungu kakhulu, baqala ukuthi kuye bonke ngabanye, Ingaba ndim, yini na, Nkosi? Waphendula ke yena wathi, Osithe nkxu nam isandla esityeni, nguye lowo uya kundingcatsha. uNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhalwe ngaye; yeha ke, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu. Waphendula ke uYuda, lowo umngcatshayo, wathi, Ingaba ndim, yini na, Rabhi? Wathi ke yena kuye, Uselutshilo nawe. Bakubon’ ukuba bayadla, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela, waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo. Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke; kuba ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono. Ndithi ke kuni, Andisayi kusela kwesi siqhamo somdiliya, kuthabathela kweli xesha, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela nani sisitsha ebukumkanini bukaBawo. Bakuba bevume ingoma yokubonga, baphuma baya eNtabeni yemiNquma. Ngelo xesha uthi uYesu kubo, Nina nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kumbetha umalusi, zichithwachithwe izimvu zomhlambi. Kodwa emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela ndiye kwelaseGalili. Waphendula ke uPetros wathi kuye, Nokuba bonke baya kukhubeka ngawe, andisayi kukha ndikhubeke mna. Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, Kwangobu busuku, ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Athi uPetros kuye, Ndingafanelana ndimelwe kukuba ndife nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho ke bonke abafundi.

UMATEYU 26:1-35 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Kwathi, xa ebewagqibile uYesu onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe, Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika,• aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni. Bathi ngelo xa ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, bahlanganisana endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa; babhunga ukuba bambambe uYesu ngenkohliso, bambulale. Ke babesithi, Makungabi khona ngomthendeleko, ukuze kungehli saqunge phakathi kwabantu. Ke kaloku, akubon' ukuba uYesu useBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile,• linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wawagalela phezu kwentloko yakhe, akubon' ukuba uhleli ngasesithebeni. Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho? Kuba la mafutha ngekuthengiswe lukhulu ngawo, kwaza kwaphiwa amahlwempu. Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? Kuba usebenze kum umsebenzi omhle. Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; kodwa mna anihleli ninam. Kuba la mafutha aqholiweyo, yena ewathululele emzimbeni wam nje, wenzele ukungcwatywa kwam. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye. Ngelo xesha kwaphuma omnye weshumi elinababini, ekuthiwa nguYuda Sikariyoti, waya kubabingeleli abakhulu, wathi, Ningandinika ntoni na, ndimnikele kuni? Bammisela ke amaqhosha esilivere amashumi mathathu. Waza kwalapho wafuna ithuba elilungileyo lokuze amnikele kubo. Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abafundi kuYesu, besithi kuye, Ùfuna ukuba sikulungisele phi na ukuyidla ipasika? Wathi ke yena, Hambani niye kuwo umzi, kuthile, nithi kuye, Uthi uMfundisi, ixesha lam likufuphi; ndiya kuyenzela kuwe ipasika nabafundi bam. Abafundi benza ke ngoko uYesu abebayaleze ngako, bayilungisa ipasika. Kwakuhlwa ke, wahlala ngasesithebeni nabalishumi elinababini. Xa badlayo, wathi, Inene ndithi kuni, Omnye kuni aba uya kundingcatsha. Baza, bebuhlungu kakhulu, baqala ukuthi kuye bonke ngabanye, Ingaba ndim yini na, Nkosi? Waphendula ke yena wathi, Osithe nkxu nam isandla esityeni, nguye lowo uya kundingcatsha. UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhaliweyo ngaye. Kodwa ke, yeha, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu. Waphendula ke uYuda, lowo wamngcatshayo, wathi, Ingaba ndim yini na, Rabhi?• Athi yena kuye, Uselutshilo nawe. Bakubon' ukuba bayadla ke, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo. Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke; kuba ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono. Ndithi ke kuni, Andisayi kusela kwesi siqhamo somdiliya, kuthabathela kweli xesha, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela nani sisitsha ebukumkanini bukaBawo. Bakuba bevume ingoma yokudumisa, baphuma baya eNtabeni yemiNquma. Ngelo xesha uthi uYesu kubo, Nina nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kumbetha umalusi, zichithwachithwe izimvu zomhlambi. (UZek. 13:7) Kodwa emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela ndiye kwelaseGalili. Waphendula ke uPetros wathi kuye, Nokuba bonke baya kukhubeka ngawe, andisayi kukha ndikhubeke mna. Wathi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, Kwangobu busuku, ingekalili inkulu, ùya kundikhanyela kathathu. Athi uPetros kuye, Ndingafanelana ndimelwe kukuba ndife nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho nabo bonke abafundi.

UMATEYU 26:1-35 IBHAYIBHILE (XHO96)

Xa uYesu wayewagqibile onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe: “Niyazi ukuba emva kweentsuku ezimbini iza kuba *yiPasika. Wothi ke *uNyana woLuntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.” Ngelo xesha ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu abantu babehlanganisene emzini kaKayafa, umbingeleli omkhulu. Babebhunga iqhinga lokumbamba uYesu, bambulale. Kodwa babesithi: “Oku makungenziwa ngePasika, hleze kubekho isiphithi-phithi.” Kwathi uYesu eseBhetani, endlwini kaSimon uZitshangubana, kwafika umntu obhinqileyo eneqhaga lelitye lelabhastile, linesiqholo esixabiso likhulu kunene. Kwathi, uYesu esetafileni, le ntokazi yamgalela entloko ngesiqholo eso. Bekubona oku, abafundi bakaYesu bakhathazeka, bathi: “Bekutheni ukuze kwenziwe le nkcitho ingaka? Esi siqholo ngesithengiswe ngemali eninzi, kwaphiwa amahlwempu.” UYesu, ekwazi abakuthethayo, wathi kubo: “Niyikhathazelani na le ntokazi? Indenzele into entle. Kaloku amahlwempu nisoloko ninawo; ke mna anisoloko ninam. Le ntokazi ithe ngokwenjenje yawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam. Ndithi kuni, inene, naphi na apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zimnandi kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto iyenzileyo yona, ibe sisikhumbuzo ngayo.” Ngelo xesha uJudas Sikariyoti, omnye wabafundi abalishumi elinambini, waya kubabingeleli abaziintloko, wathi: “Nondinika ntoni na ukuba ndithe uYesu ndamnikela kuni?” Ke bamnika amaqhosha amashumi mathathu emali yesiliva. Ukususela ngoko uJudas wazungula ukufumana ithuba lokumbambisa uYesu. Ke kaloku ngowokuqala umhla *wetheko lezonka ezingenagwele, abafundi bakaYesu beza kuye, bathi: “Ufuna ukuba siye kuyilungiselela phi na *iPasika?” Waza wathi: “Hambani niye esixekweni kumntu othile, nithi kuye: ‘UMfundisi uthi: Ixesha lam lisondele. Mna nabafundi bam siya kuyityela kwakho iPasika.’ ” Benza ke abafundi njengoko uYesu wayebayalele ngako, bayilungiselela iPasika. Kwakuhlwa ke, uYesu waya kuhlala etafileni, enabafundi bakhe abalishumi elinambini. Xa babesitya, uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, omnye kuni uya kundingcatsha.” Baza ke baba buhlungu, besithi kuye ngabanye: “Ngaba iya kuba ndim na, Nkosi?” Wabaphendula wathi: “Lowo usithi nkxu esityeni isonka kunye nam, nguye oya kundingcatsha. Okunene yena *uNyana woLuntu uyemka, njengoko zitshoyo ngaye *iziBhalo; kodwa hayi loo mntu angcatshwa nguye uNyana woLuntu! Ngekumlungele loo mntu ukuba ebengazalwanga.” Waphendula uJudas, lowo wayeza kumngcatsha, wathi: “Ngaba iya kuba ndim na, Mfundisi?” UYesu wathi: “Nawe utsho.” Xa babesitya uYesu wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika abafundi bakhe, wathi: “Thathani nitye; ngumzimba wam lo.” Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, wathi: “Selani kuyo nonke; kuba ligazi lam eli elisisiqinisekiso somnqophiso, eliphalazelwa abaninzi, ukuze baxolelwe izono. Ndithi kuni, andiyi kuphinda ndisele kwincindi yeediliya, kude kube yiloo mini ndiyisela kunye nani iyentsha kwikomkhulu likaBawo. ” Bakuba becule indumiso, baphuma baya eNtabeni yemiNquma. Ngelo xesha uYesu wathi kubo: “Ngobu busuku nonke niya kukhubeka ngenxa yam, kuba *iziBhalo zithi: ‘Ndiya kubulala umalusi, zichithakale iigusha.’ Xa ke ndithe ndavuswa ekufeni, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili.” Waphendula uPetros, wathi kuye: “Nokuba baya kukhubeka bonke, mna andingekhe!” UYesu ke wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, kwangobu busuku, ingekakhali inkuku, uya kundikhanyela kathathu.” UPetros wathi kuye: “Nokuba ndingade ndibe ndiza kufa kunye nawe, andingekhe ndikukhanyele!” Batsho bonke ke abafundi.

UMATEYU 26:1-35 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KWAYE kute, okuya abezigqibile u‐Yesu zonke iziteto ezi, wati kubadisipile bake: Niyazi ukuba kuti emveni kwentsuku mbini kubeko ipasika; waye unyana wesintu eya kunikelwa ukuba akuruseshwe. Bandula bahlanganisana abaperisite abakulu, nababa̔li, nabadala babantu, endlwini yomperisite omkulu o‐kutiwa ngu‐Kayafasi, bacebisana ukuba bambambe u‐Yesu ngenkohliso, bambuiale. Bebesiti kodwa: Makungabi semtendelekweni, ukuze kungenziwa isipitipiti pakati kwabantu. Kekaloku xeshekweni u‐Yesu ebese‐Betaniya, endlwini ka‐Simone ileperi, kweza kuye umfazi eneqaka leyalabastere linamafuta mnandi axabiso likulu, wawagalela pezu kwentloko yake xa abehleli ekutyeni. Koko abadisipile bake, bakubona oko, baqumba kunene, besiti: Okukuci̔takala kokwento nina? ngokuba kunge kutengiwe into eninzi ngalamafuta mnandi, kwaza kwapiwa amahlwempu. Wazi kodwa u‐Yesu wati kubo: Yinina ukuba nimkataze umfazi? ngokuba umsebenzi olungileyo ewenzile kum. Ngokuba ninawo amahlwempu futi ekuni; kanti aninam futi. Ngokuba lo ewagalele nje amafuta mnandi la emzimbeni wam, wenzela ukuncw̔atywa kwam. Ngokwenene nditi kuni: Apo kusukuba kushunyayelwa kona ivangeli le kulo lonke ilizwe, kuya kutyelwa nalento ayenzileyo lo, ibe sisikumbuzo sake. Wandula wahamba owabalishumi linababini, o‐kutiwa ngu‐Jude Sikariyoti, waya kubaperisite abakulu, wati: Nivuma ukundinika nto nina? ndandiya kumnikela kuni. Baza bamlinganisela amaqosha esilivere angamashumi matatu. Wabesiti ke emveni kwoko wafuna ituba lokuba amngcatshe. Kekaloku ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abadisipile ku‐Yesu, besiti kuye: Utanda ukuba sikulungisele pina kutyiwe ipasika? Wayesiti: Yiyani esixekweni kumntu otile, niti kuye: Uti umfundisi: Ixesha lam likufupi; ipasika ndiya kuyenza kuwe kunye nabadisipile bam. Baza benza abadisipile njengokuba ebebayalele u‐Yesu, bayilungisa ipasika. Kwati ke kwakuhlwa, wabehleli ekutyeni nabalishumi linababini. Waza kekaloku, nxa bebesitya, wati: Ngokwenene nditi kuni: Omnye wakuni wondingcatsha. Babelusizi kakulu ke, baqala ukuti kuye abanye ngabanye: Ndim na. Nkosi? Waza wapendula wati: Ofaka isandla esityeni kunye nam, nguye lowo oya kundingcatsha. Unyana wesintu uyemka okunene, njengokuba kuba̔liwe ngaye; kodwa kwoba nzima kulowamntu unyana wesintu ungcatshwa nguye! bekumlungele, ukuba ebengazalwanga lowamntu. Waza wapendula u‐Jude, owamngcatshayo, wati: Ndim na, Rabi? Wati kuye: Utshilo wena. Kekaloku nxa bebesitya, watabata u‐Yesu isonka, wabulela, waqezula, wanika abadisipile, wati: Tabatani, nitye; esi singumzimba wam. Kanjalo watabata indebe, wabulela, wabanika, esiti: Selani kuyo nonke; ngokuba le iligazi lam, elocebano olutsha, elipalazelwa abaninzi kube kukuxolelwa kwezono. Kodwa nditi kuni: Andisayi kusela emveni kwoku kwesisiqa̔mo somti weveyine, kude kube yimini leyo, okuya ndisiselayo nani sisitsha ebukumkanini BUKABAWO. Baza bati, bakuba bevumile iculo, bapuma baya entabeni yeminquma. Wandula wati kubo u‐Yesu: Nina nonke niya kuxakaniswa ngam ngobubusuku; ngokuba kuba̔liwe ngokuti: Ndiya kubeta umalusi, zaziya kuci̔twa igusha zomhlambi. Kodwa emveni kwokuvuka kwam, ndiya kunandulela ukuya e‐Galili. Waza wapendula u‐Petrosi wati kuye: Nakuba bonke baya kuxakaniswa ngawe, andisayi kuza ndixakaniswe mna. Wati u‐Yesu kuye: Ngokwenene nditi kuwe: Kwa ngobubusuku, ingekalili inkuku, uya kundikanyela katatu. Wati u‐Petrosi kuye: Nangona kundifanele ukuba ndife ndawonye nawe, andisayi kukukanyela. Batsho nabo bonke abadisipile kwa ngokunjalo.