UMATEYU 23:13-39
UMATEYU 23:13-39 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangénayo anibavumeli ukuba bangene. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nisidla izindlu zabahlolokazi, nize ngokunyhwalaza nithandaze uzungu; ngenxa yoko niya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nijikajika ulwandle nomhlaba ukuze nenze nokuba mnye ongena ebuYudeni; nithi, xa athe wazuzeka, nimenze abe ngumntwana wesihogo ngokuphindiweyo kunani. Yeha, nina bakhokelindini baziimfama! Nina nithi, Othe wafunga itempile, akunto oko; ke othe wafunga igolide yetempile, unetyala. Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusini na? Kanjalo nina nithi, Othe wafunga isibingelelo, akunto oko; ke othe wafunga umnikelo ophezu kwaso, unetyala. Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Ngumnikelo, sisibingelelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusini na? Lowo usifungayo ngoko isibingelelo ufunga sona neento zonke eziphezu kwaso. Nalowo uyifungayo itempile, ufunga yona nomiyo kuyo. Nalowo uwafungayo amazulu, ufunga itrone kaThixo nohleli phezu kwayo. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nedile• nekumin,• kanti nizishiyile ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo; ezi benimelwe kukuba nizenze, nithi neziya ningazishiyi. Bakhokelindini baziimfama, abahluza imbuzane, ke baginye inkamela. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nihlambulula umphandle wendebe nesitya, kanti ke ngaphakathi kuzele kukuphanga nokungazeyisi. MFarisindini uyimfama, hlambulula tanci okungaphakathi kwendebe nesitya, ukuze kuthi okungaphandle kwazo kuhlambuluke nako. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nifana namangcwaba aqatywe ifutha, athi abonakale emahle okunene ngaphandle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo abafileyo nokungcola konke. Ngokukwanjalo nani ngaphandle okunene nibonakala kubantu ningamalungisa, kanti ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchasene nomthetho. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba niwakha amangcwaba abaprofeti, nivathise amangcwaba amalungisa, nithi, Ukuba sasikho thina ngemihla yoobawo, singe singabanga nabudlelane nabo ngegazi labaprofeti. Ngoko niyangqina kwanina, ukuba ningoonyana babo bábulala abaprofeti. Wuzaliseni kambe nani umlinganisela wooyihlo. Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, ningáthini na ukuwusaba umgwebo wesihogo? Ngenxa yoko, niyabona, mna ndinithumela abaprofeti nezilumko nababhali; niya kuthi inxenye kubo niyibulale, niyibethelele eminqamlezweni, nithi inxenye kubo niyityakatye ezindlwini zenu zesikhungu, niyitshutshise kwimizi ngemizi; ukuze linifikele lonke igazi elinobulungisa, elaphalazwayo emhlabeni apha, lithabathela egazini lika-Abheli ilungisa, lizise egazini likaZekariya, unyana kaBherekiya, enambulalela phakathi kwendawo engcwele nesibingelelo. Inene, ndithi kuni, Zonke ezo zinto ziya kusihlela esi sizukulwana. Yerusalem, Yerusalem, wena ubabulalayo abaprofeti, ubagibisele ngamatye abo bathunywe kuwe, kufuthi kangakanani na ndithandé ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amathole aso ngaphantsi kwamaphiko, anavuma! Yabonani, indlu yenu ishiywa nani izé. Kuba ndithi kuni, Aniyi kuba sandibona emveni koku, nide nithi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.
UMATEYU 23:13-39 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Kuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangenayo anibavumeli ukuba bangene. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba nizidla izindlu zabahlolokazi, nize ngokunyhwalaza nithandaze uzungu; Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nijikajika ulwandle nomhlaba ukuze nenze abe mnye ongena ebuYudeni; nithi ke, nakuba nibe, nimenze abe ngumntwana wesihogo ngokuphindiweyo kunani. Yeha, nina bakhokelindini baziimfama! Nina nithi, Othe wafunga itempile, akunto oko; ke othe wafunga igolide yetempile, unetyala. Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusini na? Kanjalo nothi, Othe wafunga isibingelelo, akunto; ke othe wafunga umnikelo ophezu kwawo, unetyala. Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Ngumnikelo, sisibingelelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusini na? Lowo usifungayo ngoko isibingelelo ufunga sona neento zonke eziphezu kwaso. Nalowo uyifungayo itempile, ufunga yona nomiyo kuyo. Nalowo usifungayo izulu, ufunga itrone kaThixo nohleli phezu kwayo. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Kuba ninikela izishumi zetyeleba nedile nekumin, kanti nizishiyile ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo; ezi benimelwe kukuba nizenze, nithi neziya ningazishiyi. Bakhokelindini baziimfama, abahluza imbuzane, niginye inkamela. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Kuba nihlambulula umphandle wendebe nesitya, kanti ngaphakathi zizele kukuphanga nokugqithisela. mFarisindini, imfama, hlambulula kuqala okungaphakathi kwendebe nesitya, ukuze nomvandedwa ube ube nyulu. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba nifana namangcwaba aqatywe mhlophe, abonakala emahle ngaphandle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo abafileyo nako konke ukungcola. Ngokukwanjalo nani ngaphandle nibonakala ebantwini ukuba ningamalungisa, kanti ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchasa umthetho. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba niwakha amangcwaba abaprofeti, nivathise amangcwaba amalungisa; Kwaye nithi, Ukuba sasikho thina kwimihla yoobawo, singe singabanga nabudlelane nabo ngegazi labaprofeti. Ngoko niyangqina kwanina, ukuba ningoonyana babo babulala abaprofeti. Wuzaliseni ngoko umlinganiso wooyihlo. Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, ningáthini na ukuwusaba umgwebo wesihogo? Ngenxa yoko, niyabona, mna ndinithumela abaprofeti nezilumko nababhali; nithi ke inxenye kubo niyibulale, niyibethelele eminqamlezweni; nithi inxenye kubo niyityakatye ezindlwini zenu zesikhungu, niyitshutshise kwimizi ngemizi; ukuze linifikele lonke igazi elinobulungisa, elaphalazwayo emhlabeni, lithabathela egazini lika-Abheli ilungisa, lizise egazini likaZekariya, unyana kaBharakiya, enambulalayo phakathi kwetempile nesibingelelo. Inene, ndithi kuni, Zonke ezo zinto ziya kusihlela esi sizukulwana. Yerusalem, Yerusalem, wena ubabulalayo abaprofeti, ubagibisele ngamatye abo bathunywe kuwe, kufuthi kangakanani na ndithande ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amathole aso ngaphantsi kwamaphiko, anavuma! Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize. Kuba ndithi kuni, Aniyi kuba sandibona emveni koku, nide nithi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.

UMATEYU 23:13-39 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Mawoo, nina bachazi-mthetho nani *baFarasi, mamenemenendini! Niyabathintela abantu ekulawulweni nguThixo, kuba nina ngokwenu anivumi ukulawulwa nguye, nize nibanqande nâbo bafuna ukulawulwa nguye. [ “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Niyayiphanga imizi yabahlolokazi, nize nihanahanise nitsho ngemilembelele yemithandazo. Ngenxa yoko niya kufumana esona sohlwayo sikhulu.] “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nityhutyha ulwandle nomhlaba ukuze nizuze nokuba mnye ongenayo ebuJudeni; kuthi ke, nakuba nimzuzile, nimenze ofanelwe sisihogo ngokuphindiweyo kunani. “Mawoo, nina zinkokheli ziziimfama, nina enithi: ‘Ofunge *indlu kaThixo, akunto oko; kodwa ofunge igolide yendlu leyo, ubotshiwe sisifungo sakhe.’ Zidengendini zeemfama, kanene yintoni na enkulu? Ngaba yigolide leyo, okanye yindlu eyenza ibaluleke loo golide? Kwakhona nithi: ‘Ofunge iqonga lamadini, akunto oko; kodwa ofunge umnikelo ophezu kweqonga, ubotshiwe sisifungo sakhe.’ Zimfamandini, ngaba yintoni na enkulu? Ngaba ngumnikelo lowo, okanye liqonga lamadini elenza ubaluleke loo mnikelo? Ngoko ke, othe wafunga iqonga lamadini, ufunga lona kwanako konke okuphezu kwalo; nalowo uthe wafunga indlu kaThixo, ufunga yona kwanalowo iyindlu yakhe. Othe wafunga izulu, ufunga ikomkhulu likaThixo, efunga lowo uphetheyo apho. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Ninikela kuThixo ngesishumi sayo imifuno enjengetyeleba nedile nekumin, kanti niyazityeshela ezona zinto zizizo zomthetho: ubulungisa, inceba, nentembeko. Ezi zinto benimelwe kukuzenza, nithi neziya ningazityesheli. Zinkokhelindini eziziimfama, nihluza imbuzane, nisuke niginye isilo esingangenkamela. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nihlamba umphandle wendebe nesitya, kanti ngaphakathi zizele kokufunyenwe ngokuphanga nokunyoluka. MFarasindini oyimfama, kuqala hlambulula umphakathi wendebe, wothi ke nomphandle ube uhlambulukile. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nifana namangcwaba avetiweyo, ambonakalo intle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo ezidumbu nako konke okungcolileyo. Ngokukwanjalo nani okunene nibonakala ebantwini ngathi ningamalungisa, kanti ngaphakathi ezintliziyweni nizele luhanahaniso nenkcaso-mthetho.” “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani *baFarasi, mamenemenendini! Nakha amangcwaba *abashumayeli, nizihombise iindawo zokufihlwa kwamalungisa. Nithi: ‘Ukuba sasikho thina kwimihla yoobawo, ngesingahambisananga nabo ngokubulawa kwabashumayeli.’ Ngokutsho nina ngokwenu niyangqina ukuba ningoonyana bâbo bababulalayo abashumayeli. Qhubelani phambili ke, nikufeze oko kwaqalwayo ngooyihlo. Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, nothini na ukusinda ningàgwetyelwa isihogo? Ke ngoko, niyabona, ndonithumela abashumayeli, nezilumko, nabachazi-mthetho. Inxenye yabo niya kuyibulala, niyibethelele eminqamlezweni; inxenye niyikatse *ezindlwini zenu zesikhungo, nibatshutshisa kwizixeko ngezixeko. Ngako oko lobizwa kuni igazi lawo onke amalungisa elithe laphalazwa emhlabeni, ukususela kwelika-Abheli olilungisa, kuse kwelikaZakariya, unyana kaBherekiya, enambulalela endlwini kaThixo phakathi kwengcwele neqonga lamadini. Ndithi kuni, inene, isohlwayo sazo zonke ezo zinto siya kuba phezu kwabantu besi sizukulwana.” “Jerusalem, Jerusalem, wena mbulali *wabashumayeli, ubaxuluba ngamatye abo bathunywe kuwe nguThixo! Kunini na ndifuna ukubawola abantu bakho ngokwesikhukukazi esigquma amantshontsho aso ngamaphiko, waza àwavuma! Niyabona ke, uThixo uyanifulathela nomzi wenu. Ndithi kuni, ukususela ngoku anisayi kuba sandibona, de nithi: ‘Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.’ ”
UMATEYU 23:13-39 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Kuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangenayo anibavumeli ukuba bangene. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba nizidla izindlu zabahlolokazi, nize ngokunyhwalaza nithandaze uzungu; Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nijikajika ulwandle nomhlaba ukuze nenze abe mnye ongena ebuYudeni; nithi ke, nakuba nibe, nimenze abe ngumntwana wesihogo ngokuphindiweyo kunani. Yeha, nina bakhokelindini baziimfama! Nina nithi, Othe wafunga itempile, akunto oko; ke othe wafunga igolide yetempile, unetyala. Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusini na? Kanjalo nothi, Othe wafunga isibingelelo, akunto; ke othe wafunga umnikelo ophezu kwawo, unetyala. Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Ngumnikelo, sisibingelelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusini na? Lowo usifungayo ngoko isibingelelo ufunga sona neento zonke eziphezu kwaso. Nalowo uyifungayo itempile, ufunga yona nomiyo kuyo. Nalowo usifungayo izulu, ufunga itrone kaThixo nohleli phezu kwayo. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Kuba ninikela izishumi zetyeleba nedile nekumin, kanti nizishiyile ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo; ezi benimelwe kukuba nizenze, nithi neziya ningazishiyi. Bakhokelindini baziimfama, abahluza imbuzane, niginye inkamela. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Kuba nihlambulula umphandle wendebe nesitya, kanti ngaphakathi zizele kukuphanga nokugqithisela. mFarisindini, imfama, hlambulula kuqala okungaphakathi kwendebe nesitya, ukuze nomvandedwa ube ube nyulu. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba nifana namangcwaba aqatywe mhlophe, abonakala emahle ngaphandle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo abafileyo nako konke ukungcola. Ngokukwanjalo nani ngaphandle nibonakala ebantwini ukuba ningamalungisa, kanti ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchasa umthetho. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba niwakha amangcwaba abaprofeti, nivathise amangcwaba amalungisa; Kwaye nithi, Ukuba sasikho thina kwimihla yoobawo, singe singabanga nabudlelane nabo ngegazi labaprofeti. Ngoko niyangqina kwanina, ukuba ningoonyana babo babulala abaprofeti. Wuzaliseni ngoko umlinganiso wooyihlo. Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, ningáthini na ukuwusaba umgwebo wesihogo? Ngenxa yoko, niyabona, mna ndinithumela abaprofeti nezilumko nababhali; nithi ke inxenye kubo niyibulale, niyibethelele eminqamlezweni; nithi inxenye kubo niyityakatye ezindlwini zenu zesikhungu, niyitshutshise kwimizi ngemizi; ukuze linifikele lonke igazi elinobulungisa, elaphalazwayo emhlabeni, lithabathela egazini lika-Abheli ilungisa, lizise egazini likaZekariya, unyana kaBharakiya, enambulalayo phakathi kwetempile nesibingelelo. Inene, ndithi kuni, Zonke ezo zinto ziya kusihlela esi sizukulwana. Yerusalem, Yerusalem, wena ubabulalayo abaprofeti, ubagibisele ngamatye abo bathunywe kuwe, kufuthi kangakanani na ndithande ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amathole aso ngaphantsi kwamaphiko, anavuma! Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize. Kuba ndithi kuni, Aniyi kuba sandibona emveni koku, nide nithi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.
UMATEYU 23:13-39 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nivalela abantu ubukumkani bezulu: ngokuba ningangeni nina, nabangenayo ningabavumeli ukuba bangene. Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nisidla izindlu zabahlolokazi, nisenza nemitandazo emide ngokuzenzisa: ngako oku niya kwamkela ukugwetywa okukulu ngakumbi. Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nijikajikela ulwandle nomhlaba owomileyo, ukuze nenze libe linye ikolwa lobujuda, eniti, lakuba njalo, nilenze umntwana wesihogo somlilo ngento epindiweyo kabini ngapezu kwenu. Kwoba nzima kuni, bakokeli abazimfama! eniti: Osukuba efunga itempile, asi nto yanto; kodwa osukuba efunga igolide yetempile, ufanelwe kukufeza. Nina bazidenge nemfama! ngokuba yiyipina enkulu, yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusinina? Eniti kanjalo: Osukuba efunga isibingelo, asi nto yanto; kodwa osukuba efunga umnikelo opezu kwaso, ufanelwe kukufeza. Nina bazidenge nemfama! ngokuba yiyipina into enkulu, ngumnikelo, sisibingelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusinina? Ngako ofungayo isibingelo, uyafunga sona nento zonke ezipezu kwaso: nofungayo itempile, uyafunga yona nalowo umiyo kuyo: nofungayo izulu, uyafunga iterone KATIXO nalowo uhleli pezu kwayo. Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba ninika izishumi zetyeleba, nezedile, nezekumine, kanti niziyekile indawo ezinkulu zomteto, ubugwebo, nobubele, nokolo: bekufanele ezi ukuba zenzwe, neziya ukuba zingayekwa. Bakokeli abazimfama, abayihluzayo imbuzane, bayiginye inkamela! Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nihlambulula indebe nesitya ngapandle, kanti ngapakati zizele bubupanga nobuncwangu. Farisindini oyimfama! hlambulula tanci okupakati kwendebe nesitya, ukuze kuti nokupandle kwazo kube kuhlambulukile. Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nifana namancw̔aba aqatyiweyo ngobumhlope, ati ngapandle ke abonakale emahle, kodwa ngapakati azele ngamatambo abafileyo nakuko konke ukunco̔la. Kwa njalo nani niti ngapandle ke nibonakale ebantwini nilungile, kodwa ngapakati nizele luhanahaniso nakokungalungileyo. Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nibuya nake amancw̔aba abaprofite, nihombe amancw̔aba abalungileyo, niti: Ukuba besiko emihleni yobawo betu, ngesingabi nabukolwane nabo egazini labaprofite. Kwa njalo ke niyazinqi̔nela ngokwenu, ukuba nilusapo lwabo babulalayo abaprofite. Nani zalisani isilinganiso soyihlo benu. Zinyokandini, sizukulwana samaṙamba! ningati nina ukusinda emgwetyweni wesihogo somlilo? Ngako oko, bona ke, ndiyatuma kuni abaprofite, nezilumko, nababa̔li: naniya kuti inxenye kubo nibabulale nibakuruseshe, niti inxenye kubo nibabete ezindlwini zentlanganiso zenu, nibatshutshise kwisixeko ngesixeko; ukuba kuze pezu kwenu lonke igazi elilungileyo lipalazwa emhlabeni, kutabata egazini lika‐Abele olungileyo, kude kube segazini lika‐Zekariya unyana ka‐Berekiya, lowo nambulalayo pakati kwendawo eyingcwele nesibingelo. Ngokwenene nditi kuni: Ziya kuza zonke ezizinto pezu kwesisizukulwana. Yerusaleme, Yerusaleme, ebabulalayo abaprofite, ebagibisela ngamatye abo batunyiweyo kuyo! kufuti kangakananina ebendifuna ukulubutela ndawonye usapo lwako, njengokuba inkukukazi iwabutela ndawonye amatole ayo ngapantsi kwamapiko, anavuma ke! Bona ke, niyashiyelwa indlu yenu ici̔takele. Ngokuba ndisiti kuni: Anisayi kundibona emveni kwoku, nide niti: Makatanyusanqeliswe ozayo egameni LIKAYEHOVA.