ULUKA 16:1-18
ULUKA 16:1-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, wayesithi nakubafundi bakhe, Kwaye kukho umntu othile osisityebi, obenegosa; laza lona lancethezwa kuye, ukuba lingoyichithayo impahla yakhe. Elibizile ke, wathi kulo, Yintoni na le ndiyivayo ngawe? Khawenze ingxelo yobugosa bakho; kuba akusayi kuba saba ligosa. Lathi ke igosa ngaphakathi kwalo, Ndiya kuthini na? Ngokuba inkosi yam iyabuhlutha ubugosa kum; ukumba kundikhohlile; ukungqiba, ndineentloni. O! ndiyayazi into endiya kuyenza, ukuze xa ndithe ndakhutshwa ebugoseni, bandamkele ezindlwini zabo. Libabizele kulo ngabanye abanetyala enkosini yalo, lathi kowokuqala, Unatyala lingakanani na enkosini yam? Uthe ke yena, Likhulu leebhate• zeoli. Lathi kuye, Thabatha iphetshana lakho, uhlale phantsi msinya, ubhale amashumi amahlanu. Emva koko lathi komnye, Wena ke unatyala lingakanani na? Uthe ke yena, Likhulu leekore• zengqolowa. Lathi kuye, Thabatha iphetshana lakho, ubhale amashumi asibhozo. Yaza inkosi leyo yalincoma igosa elingalungisiyo, ngokuba lenza ngokuqonda; ngokuba bona abeli phakade kwesabo isizukulwana banokuqonda, ngaphezu kwabo abokukhanya. Nam ndithi kuni, Zenzeleni izihlobo ngabo ubutyebi bokungalungisi, ukuze xa nithe naphelelwa, namkelwe eminqubeni engunaphakade. Othembekileyo kokuncinane, uthembekile nakokukhulu; nongalungisiyo kokuncinane, akalungisi nakokukhulu. Ukuba ngoko anibanga nakuthembeka ebutyebini bokungalungisi, ngubani na owonithemba kobo buyinyaniso? Nokuba anibanga nakuthembeka koko komnye, ngubani na oya kuninika okukokwenu? Akukho mkhonzi unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le, athande leya; athi mhlawumbi abambelele kule, ayidele leya; aninako ukukhonza uThixo nobutyebi. Ke kaloku baye beziva ezo ndawo zonke nabo abaFarisi, amathanda-mali; baye bemsinekela ke. Wathi kubo, Nina ningábazigwebelayo emehlweni abantu; kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu; ngokuba oko kuphakanyisiweyo phakathi kwabantu, kulisikizi emehlweni kaThixo. Yayingumthetho nabaprofeti kwada kwakuYohane; kuselokoko, ubukumkani bukaThixo buyashunyayelwa, bonke bayangena kubo ngokugonyamela. Ke kulula ukuba lidlule izulu nomhlaba, kunokuba kuwe nalinye isuntswana lomthetho. Wonke umntu omalayo umfazi wakhe, azeke wumbi, uyakrexeza; nomntu wonke ozeka owalene nendoda, uyakrexeza.
ULUKA 16:1-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, wayesithi nakubafundi bakhe, Kwaye kukho umntu othile osisityebi, obenegosa; laza lona lamangalelwa kuye, lokuba uyichithe impahla yakhe. Elibizile ke, wathi kulo, Yintoni na le ndiyivayo ngawe? Khawenze ingxelo yobugosa bakho; kuba akusayi kuba saba ligosa. Lathi ke igosa ngaphakathi kwalo, Ndiya kuthini na? Ngokuba inkosi yam iyabuhlutha ubugosa kum; ukungqiba ndineentloni. O! ndiyayazi into endiya kuyenza, ukuze xa ndithe ndakhutshwa ebugoseni, bandamkele ezindlwini zabo. Libabizele kulo ngabanye abanetyala enkosini yalo, lathi kowokuqala, Unatyala lingakanani na enkosini yam? Uthe ke yena, Likhulu leekore zeoli. Wathi kuye, Thabatha incwadi yakho, uhlale phantsi kamsinya, ubhale amashumi amahlanu. Aze athi komnye, Wena ke unatyala lingakanani na? Uthe ke yena, Likhulu leekore zengqolowa. Wathi kuye, Thabatha incwadi yakho, ubhale amashumi asibhozo. Yaza inkosi leyo yalincoma igosa elingalungisiyo, ngokuba lenza ngokuqonda; ngokuba bona abeli phakade kwesabo isizukulwana banokuqonda, ngaphezu kwabo abokukhanya. Nam ndithi kuni, Zenzeleni izihlobo ngobutyebi bokungalungisi; ukuze xa nithe naphelelwa, banamkele eminqubeni engunaphakade. Othembekileyo kokona kuncinane, uthembekile nakokukhulu; nongalungisiyo kokuncinane, akalolungisa nakokukhulu. Ukuba ngoko anibanga nakuthembeka ebutyebini bokungalungisi, ngubani na owonithemba kobo buyinyaniso? Ukuba anibanga nakuthembeka koko komnye, ngubani na oya kuninika okukokwenu? Akukho mkhonzi unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le, athande leya; athi mhlawumbi abambelele kule, ayidele leya; Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi. Ke kaloku baye beziva ezo ndawo zonke nabo abaFarisi, amathanda-mali; baye bemsinekela ke. Wathi kubo, Nina ningabazigwebelayo emehlweni abantu; kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu; kuba oko kuphakanyisiweyo phakathi kwabantu, kulisikizi emehlweni kaThixo. Umthetho nabaprofeti babekho kwada kwakuYohane; kuselokoko, ubukumkani bukaThixo buyashunyayelwa, bonke bayangena kubo ngokugonyamela. Ke kulula ukuba lidlule izulu nomhlaba, kunokuba kuwe nalinye isuntswana lomthetho. Othe wamala umfazi wakhe, wazeka omnye, uyakrexeza; nomntu wonke ozeka owaliweyo endodeni, uyakrexeza.
ULUKA 16:1-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke uYesu wathi kubafundi bakhe: “Kwakukho sityebi sithile esasinegosa, elathi lona lamangalelwa kuso ngokuyichitha impahla yaso. Silibizile ke, sathi kulo: ‘Yintoni le ndiyivayo ngawe? Khawenze ingxelo yobugosa bakho, kuba akusayi kuba saba ligosa.’ Lacinga ke igosa lathi: ‘Ndiya kuthini, bethu, inkosi yam indisusa nje ebugoseni? Ndiphangele? Hayi, kuyandoyisa! Ndingqibe? Hayi, ndineentloni! O-o-o, ndiyayazi into endiya kuyenza, ukuze xa ndithe ndasuswa ebugoseni bandamkele ezindlwini zabo abantu.’ “Ke libabizele kulo ngabanye abanamatyala enkosini yalo, lathi kowokuqala: ‘Unatyala lingakanani na enkosini yam?’ Wathi yena: ‘Likhulu leengqayi zeoyile yomnquma.’ Lathi kuye: ‘Thatha iphepha lakho, ukhawuleze uhlale phantsi, ubhale amashumi amahlanu.’ Emva koko lathi komnye: ‘Wena ke unatyala lingakanani?’ Wathi yena: ‘Likhulu leengxowa zengqolowa.’ Lathi kuye: ‘Thatha iphepha lakho, ubhale amashumi asibhozo.’ “Yaza inkosi yalo yalincoma ngokundweba kwalo eli gosa linamaqhinga; kuba kwezobulumko obusingisele koogxa babo, abeli phakade bayabagqitha abakhanyiselwe nguThixo.” Waqhuba ke uYesu wathi: “Nam ndithi kuni, ubutyebi obu bùdla ngokufunyanwa ngobuqhetseba, busebenziseni nina ngendlela eya kunakhela ubuhlobo, khon' ukuze nakuphelelwa bobo butyebi, nibe nokwamkelwa eminqubeni yaphakade. Othembekileyo kokuncinane, uthembekile nakokukhulu; nongathembekanga kokuncinane, akathembekanga nakokukhulu. Ukuba ngoko anibanga nakuthembeka kubutyebi beli phakade, ngubani na onokunithemba kobo butyebi bububo? Ukuba anibanga nakuthembeka kokukokomnye, ngubani na onokuninika okukokwenu? “Akukho sicaka sinokukhonza iinkosi ezimbini, kuba siya kuyithiya le, siyithande leya, okanye sibambelele kule, siyidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.” Ke *nabaFarasi, amathanda-mali, bamvile uYesu ekuthetha konke oku, baza bamnximzela; waza wathi kubo: “Nina ningabazenza amalungisa phambi kwabantu, kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu. Ke oko kuxatyisiweyo ngabantu kulizothe kuThixo. “Kwakulawula *umthetho kaMosis nezibhalo *zabashumayeli bamandulo kwada kwaba yimihla kaYohane umbhaptizi. Ukususela ngoko kushunyayelwa iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo oluthwasileyo. Ke bonke beza kulo begxalathelana. Kulula ukuba lidlule izulu nehlabathi kunokuba kucinywe nechaphazana eli lomthetho. “Wonke umntu omalayo umfazi wakhe, azeke omnye, uyakrexeza; nomntu wonke ozeka umfazi owalene nendoda yakhe, uyakrexeza.”
ULUKA 16:1-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
WAYESITI kanjalo kubadisipile bake: Bekuko isityebi esitile, esibe sinegosa; kwaye kumangalwa kuso ngalo eli ukuba liyaci̔takalisa impahla yaso. Saza salibiza sati kulo: Yinina lento ndiyiva ngawe? yenza ingxelo yobugosa bako; ngokuba ungebe selilo igosa. Laza lati pakati kwalo igosa elo: Ndiya kwenza nto nina, inkosi yam ibususa ubugosa kum nje? ukumba andingekwenze; ukunqiba ndikudanele. Sendikwazi oko ndiya kukwenza, ukuze kuti, ndakushenxiswa ebugoseni, bandamkele ezindlwini zabo. Laza lababiza abanye ngabanye abanetyala enkosini yalo, lati kowokuqala: Unetyala elingakananina enkosini yam? Wayesiti yena: Lelekulu lebate zeoli. Laza lati kuye: Tabata isiba̔lelo sako, uhlale pantsi msinya, uba̔le amashumi amahlanu. Landula lati komnye: Nawe unetyala elingakananina? Wayesiti yena: Lelekulu lekore zenqolowa. Laza lati kuye: Tabata isiba̔lelo sako, uba̔le amashumi asibozo. Yaza inkosi yalo yabonga igosa elingalungileyo, ngokuba libe lenzile ngokulumka: ngokuba usapo lwelilizwe likoyo lugqitisile usapo lwokukanya ngokulumka kokwesalo isizukulwana. Nam nditi kuni: Zenzeleni abahlobo ngobutyebi obungalungileyo, ukuze kuti, nakupela, banamkele ezintlalweni ezingunapakade. Onyanisekile kokuncinane, unyanisekile nakokukulu; nalowo ungongalungile kokuncinane, ungongalungile nakokukulu. Ukuba ngoko nibe ninganyanisekile ebutyebini obungalungileyo, ngubanina oya kubekela kuni obenyaniso? Nokuba nibe ninganyanisekile kokwomnye, ngubanina oya kuninika okukokwenu? Akuko sicaka esingakonzayo inkosi ezimbini: ngokuba siya kutiya enye, sitande enye; okanye, siya kubambelela kwenye, sidele enye. Aningekonze UTIXO nobutyebi kunye. Kekaloku ezizinto zonke zibe ziviwa nangabafarisi abatanda imali, bamsinekela. Waza wati kubo: Nina ningabazenza abalungileyo ebusweni babantu; kodwa UTIXO uyazazi intliziyo zenu: ngokuba oko kuyinto enkulu pakati kwabantu, kuyintshontsho ebusweni BUKATIXO. Umteto nabaprofite bebeko kwada kwako u‐Johane; kuseloko ubukumkani BUKATIXO buyashunyayelwa, bati bonke bazinyanzelele kubo. Kulula ukuba kudlule izulu nomhlaba, ngapezu kwokuba, kutshitshe umgcanyana mnye emtetweni. Osukuba elahla umfazi wake, ezeka nomnye, uyaṙexeza; nosukuba ezeka olahliweyo yindoda, uyaṙexeza naye.