ULUKA 12:16-21
ULUKA 12:16-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathetha ke umzekeliso kubo, esithi, Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu; wayecamanga phakathi kwakhe, esithi, Ndiya kuthini na; ngokuba andinandawo ndiya kuzihlanganisela kuyo iziqhamo zam? Wathi, Nantsi into endiya kuyenza; ndiya kubawisa phantsi oovimba bam, ndakhe abangaphezulu kwabo; ndizihlanganisele khona zonke izilimo zam, nezinto zam ezilungileyo; ndithi kuwo umphefumlo wam, Mphefumlo, unezinto ezininzi ezilungileyo, ezibekelwe iminyaka emininzi; phumla, yidla, sela, yiba nemihlali. Uthe ke uThixo kuye, Msweli-kuqonda, ngobu busuku umphefumlo wakho uya kubizwa kuwe; ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uzilungisileyo? Únjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebi kuThixo.
ULUKA 12:16-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathetha ke umzekeliso kubo, esithi, Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu; wayecamanga phakathi kwakhe, esithi, Ndiya kuthini na; ngokuba andinandawo ndiya kuzihlanganisela kuyo iziqhamo zam? Wathi, Nantsi into endiya kuyenza; ndiya kubawisa phantsi oovimba bam, ndakhe abangaphezulu kwabo; ndizihlanganisele khona zonke iziqhamo zam, nempahla yam; ndithi kuwo umphefumlo wam, Mphefumlo, unezinto ezininzi ezilungileyo, ezibekelwe iminyaka emininzi; phumla, udle, sela, yiba nemihlali. Uthe ke uThixo kuye, Msweli-kuqonda, ngobu busuku umphefumlo wakho uya kubizwa kuwe; ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uzilungisileyo? Unjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebi kuThixo.
ULUKA 12:16-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
Waza uYesu wathetha umzekeliso kubo, esithi: “Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu. Yena wacinga esithi: ‘Ndiya kuthini na, kuba andinandawo ndinokusigcina kuyo isivuno sam?’ Waza wathi: ‘Nantsi into endiya kuyenza: ndiya kubadiliza oovimba bam, ndakhe abakhulu kunabo, ndiyihlanganisele kubo yonke ingqolowa yam nendyebo yam; ndize ke ndithi kuwo umphefumlo wam: Mphefumlo wam, unempahla eninzi yeminyaka emininzi; phumla, yitya, sela, chwayita!’ Ke uThixo wathi kuye: ‘Siyathandini, ngobu busuku uya kwahlukana nobomi bakho. Ziya kuba zezikabani ke ezo zinto uzilungisileyo?’ Únjalo ke lowo uziqwebela ubutyebi, kodwa engenabutyebi kuThixo.”
ULUKA 12:16-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza wateta umzekeliso kubo, esiti: Umhlaba wesityebi esitile wacu̔ma kakulu: saza sacamanga pakati kwaso, sisiti: Ndiya kwenza nto nina, ndingenandawo nje apo ndiya kuzihlanganisela kona iziqa̔mo zam? Saye sisiti: Lento ndiya kuyenza: ndiya kuci̔ta inyango zam, ndake ezinkulu kuzo, ndize ndizihlanganisele kona zonke izilimo zam nempahla zam; ndandiya kuti kumpefumlo wam: Mpefumlo! unempahla ezininzi zibekelwa iminyaka emininzi; yiti upumle, udle, usele, ugcobe. Kodwa UTIXO wati kuye: Sidenge! kwa ngobubusuku kuyabizwa umpefumlo wako kuwe; ezonto uziqwebileyo kanti, zoba zezikabanina? Unjalo lowo uzibekelayo indyebo, engenabutyebi NGAKUTIXO.