UYOSHUWA 14:12
UYOSHUWA 14:12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke ngoko ndinike ezo ntaba wathetha zona uYehova ngaloo mini; ngokuba weva wena ngaloo mini ukuba ama-Anaki akhona, imizi yawo mikhulu, inqatyisiwe. Mhlawumbi uYehova woba nam, ndiwagqogqe ke, njengoko watshoyo uYehova.
UYOSHUWA 14:12 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoku ke ndabele eliya leentaba ndalithenjiswa nguNdikhoyo mhla ndenza ingxelo. Nawe ngokwakho weva ngaloo mini ukuba olwaa hlanga lweengxilimbela kuthiwa ngama-Anaki ayehlala apho ezixekweni ezikhulu ezingqingwe ngeendonga. Ukuba uNdikhoyo ungakum ndozichitha kanye njengoko yena watshoyo.”
UYOSHUWA 14:12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke ngoko ndinike ezo ntaba wathetha zona uYehova ngaloo mini; ngenxa yokuba weva ngaloo mini ukuba ama-Anake ayelapho nokuba izixeko ezikhulu zenziwe iinqaba; ukuba uYehova ungakum, ndokwazi ukubagxotha, njengoko watshoyo uYehova.
UYOSHUWA 14:12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngako kaloku ndipe lentaba, owati UYEHOVA wateta ngayo ngomhla lowo: ngokuba ubusiva wena ngomhla lowo, okokuba ama‐Hanaki akona, nezixeko ezikulu ezinqatyisiweyo: kungati UYEHOVA woba nam, ukuba ndiwagqogqe, njengokuba etshilo UYEHOVA.