UYOHANE 14:23-24
UYOHANE 14:23-24 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waphendula uYesu wathi kuye, Ukuba umntu uyandithanda, woligcina ilizwi lam; wothi uBawo amthande, size kuye, sihlale naye. Lowo ungandithandiyo akawagcini amazwi am; ilizwi enilivayo asililo elam, lelikaBawo owandithumayo.
UYOHANE 14:23-24 IBHAYIBHILE (XHO96)
Waphendula uYesu wathi kuye: “Lowo undithandayo uyawagcina amazwi am. Wothi uBawo amthande, size siye kuye, sihlale kunye naye. Lowo ungandithandiyo akakwenzi endikuthethayo. Kanti la mazwi eniwave ngam akamazwi am, koko ngakaBawo ondithumileyo.
UYOHANE 14:23-24 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waphendula uYesu wathi kuye, Ukuba umntu uyandithanda, woligcina ilizwi lam; wothi uBawo amthande, size kuye, sihlale naye. Lowo ungandithandiyo akawagcini amazwi am; ilizwi enilivayo asililo elam, lelikaBawo owandithumayo.
UYOHANE 14:23-24 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wapendula u‐Yesu wati kuye: Ukuba umntu uyanditanda, woligcina ilizwi lam; kanjalo UBAWO uya kumtanda, sasiya kuza kuye, senze nentlalo yetu naye. Lowo unganditandiyo, amazwi am akawagcini: nelizwi enilivayo, asi lelam, le LIKABAWO owanditumayo.