UISAYA 4:5
UISAYA 4:5 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wodala ke uYehova phezu kweendawo zonke zeentaba zeZiyon, naphezu kweentlanganiso zayo, ilifu elingumsi emini, nokudangazela komlilo ebusuku. Kuba phezu kobuqaqawuli obo bonke, kuya kubakho isigubungelo
UISAYA 4:5 IBHAYIBHILE (XHO96)
Intaba iZiyon nabo bonke abakuyo uNdikhoyo uya kubagubungela ngelifu alidalileyo elirhuqayo emini, aze ngokuhlwa abakhanyisele ngedangatye eliqaqambileyo. Ewe, uThixo isixeko eso uya kusisitha asikhusele ngobungangamsha bakhe.
UISAYA 4:5 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uYehova uya kudala phezu kwayo yonke indawo yokuhlala yeNtaba yeZiyon naphezu kwamabandla ayo ilifu elingumsi emini nokukhanya komlilo ovuthayo ebusuku, kuba kuya kubakho indawo yokusithela phezu ‘kozuko lonke.
UISAYA 4:5 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
uya kwandula UYEHOVA ukudala pezu kwazo zonke intlalo zasentabeni ye‐Ziyone, napezu kwendawo zayo zokuhlanganisela, ilifu nomsi ngemini, nokukazimla kwomlilo odangazelayo ngobusuku: ngokuba pezu kwabo bonke ubungcwalisa kuya kubako isigubungelo.