IGENESIS 3:1-5
IGENESIS 3:1-5 IBHAYIBHILE (XHO96)
Inyoka yayisesona sidalwa sinobuqhetseba kunazo zonke izidalwa *zikaNdikhoyo uThixo. Yambuza umfazi inyoka yathi: “Ngaba kuyinyani na ukuba uThixo uniyalele ukuba ningatyi kuyo yonke imithi ekulo myezo?” “Hayi, singatya nakuwuphi na umthi osemyezweni,” utshilo umfazi ukuphendula. “Ngumthi ophaya esidikidikini somyezo qha esingenakutya kuwo. UThixo uthe maze singazityi iziqhamo zawo, singaziphathi nokuziphatha oku, ukuba asifuni kufa.” Ithe ukuphendula inyoka: “Hayi, anisoze nife. Nto nje uyazi uThixo ukuba xa nizityileyo iziqhamo zawo novuleka amehlo, nibe njengaye, nikwazi ukucalula okuhle kokubi.”
IGENESIS 3:1-5 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku inyoka yaye inobuqhophololo ngaphezu kwazo zonke izinto eziphilileyo zomhlaba, awazenzayo uYehova uThixo. Yathi kumfazi, Ewe, uthe uThixo, Musani ukuyidla yonke imithi yomyezo? Wathi umfazi enyoka, Iziqhamo zemithi yasendle sinokuzidla. Ke zona iziqhamo zomthi osemyezweni osesazulwini somyezo, wathi uThixo, Ningazidli, ningazichukumisi, hleze nife. Yathi inyoka kumfazi, Anisayi kufa. Kuba esazi uThixo ukuba, xa nithe nadla, oqabuka amehlo enu, nibe njengothixo, nazi okulungileyo nokubi.
IGENESIS 3:1-5 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku inyoka yaye inobuqhophololo ngaphezu kwazo zonke izinto eziphilileyo zasendle, abezenzile uYehova uThixo. Yathi kumfazi, Útshilo na okunene uThixo ukuthi, Ze ningadli kuyo yonke imithi yomyezo? Wathi umfazi kwinyoka, Eziqhameni zemithi yomyezo singadla; ke eziqhameni zomthi osemyezweni phakathi, uthe uThixo, Ze ningadli kuzo; ze ningazichukumisi, hleze nife. Yathi inyoka kumfazi, Anisayi kufa: kuba esazi uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.
IGENESIS 3:1-5 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU inyoka ibinamaqokolo ngapezu kwazo zonke izilo zasendle, abezenzile UYEHOVA UTIXO. Yada yati emfazini: Kanene utshilo na UTIXO ukuti: Aniyi kutya kuyo yonke imiti yalomyezo? Waza wati umfazi enyokeni: Singatya kuso isiqa̔mo semiti yalomyezo; kanti isiqa̔mo somti opakati emyezweni, utshilo UTIXO ukuti: Ningatyi kuso, ningabi nakusicukumisa kanjalo, hleze nife. Yandula yati inyoka emfazini: Aniyi kufa ngokufa; ngokuba esazi UTIXO, okokuba noti, mhlana nitya kuso, nandule nigabuke amehlo enu, naniya kuba NJENGOTIXO, nikwazi nje okulungileyo nokukohlakeleyo.