KWABASE-EFESE 6:10-20
KWABASE-EFESE 6:10-20 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Elokugqiba, bazalwana bam, ndithi, Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo. Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi. Ngokuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo. Ngenxa yoko, qubulani sonke isikrweqe sikaThixo; ukuze nibe nako ukuchasa ngomhla ombi, nithi nikufezile konke, nime nimi. Misani ke ngoko, níbhinqé inyaniso esinqeni senu, ninxibé isigcina-sifuba sobulungisa, nibophé ezinyaweni zenu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo. Ngaphezu kwezo zinto zonke, qubulani ikhaka lokholo, lona nothi ngalo nibe nako ukuzicima zonke iintolo ezinomlilo zakhe ongendawo. Yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nalo ikrele loMoya, elililizwi likaThixo; ngako konke ukuthandaza nokukhunga, nithandaza amaxesha onke nikuye uMoya; niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele; nangenxa yam, ukuba ndiphiwe ilizwi ekuwuvuleni umlomo wam, ndize ndazise ngokungafihlisiyo imfihlelo yeendaba ezi zilungileyo, ekungenxa yazo endisisigidimi esisezintanjeni; ukuze ndingafihlisi ukuthetha kuzo, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako.
KWABASE-EFESE 6:10-20 IBHAYIBHILE (XHO96)
Elokuphetha ndithi njengokuba nimanywe neNkosi nje, yomelelani nincedwa ngamandla ayo. Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana. Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama. Ngoko ke xhobani ngezikrweqe zikaThixo, ukuze nibe nako ukuxhathisa xa kunyembelekile, nize nifeze konke nimile ngxishi. Ngoko ke hlalani niqulile. Bhinqani ngenyaniso; ninxibe ubulungisa ukukhusela isifuba. Ezinyaweni nxibani inkuthalo yokuhlala nichophele ukuvakalisa iindaba ezimnandi zoxolo. Ngamaxesha onke ukukholwa makube likhaka lenu; ngokholo noba nako ukuzicima zonke iintolo ezivuthayo zikaSathana. Entloko thwalani usindiso. Phathani ilizwi likaThixo libe likrele enilinikwa nguMoya. Zinikeleni ngokupheleleyo ekuthandazeni. Thandazani maxa onke niqhutywa nguMoya. Ngesi sizathu ke hlalani nithe qwa, ningancami, nisoloko nibathandazela abantu bakaThixo. Nam ndithandazeleni, ukuze uThixo andiphe udaba xa ndithethayo, ndibe nesibindi sokuyivakalisa injongo yakhe eyayifihlakele, ndixela iindaba ezimnandi. Mna ndingunozakuzaku obanjiweyo ngenxa yazo. Ndithandazeleni ukuze ndithethe ngesibindi, njengoko kufuneka ndenjenjalo kakade.
KWABASE-EFESE 6:10-20 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Elokugqiba, bazalwana bam, ndithi, Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo. Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi. Kuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imimoya ekhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo. Ngoko ke, qubulani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukuchasa ngomhla ombi, nithi nikufezile konke, nime nimi. Yimani ngoko, nibhinqe inyaniso esinqeni senu, ninxibe isigcina-sifuba sobulungisa; Nibophe ezinyaweni zenu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo. Ngaphezu kweento zonke, qubulani ikhaka lokholo, enothi ngalo nibe nako ukuzicima zonke iintolo ezinomlilo zongendawo. Yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nalo ikrele loMoya, elililizwi likaThixo; ngako konke ukuthandaza nokukhunga, nithandaza amaxesha onke nikuye uMoya; niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele; nakum, ukuze ndilinikwe ilizwi lokuba ndiwuvule umlomo wam ngokungafihlisiyo, ukuyazisa imfihlelo yeendaba ezi zilungileyo; endisisigidimi ngenxa yazo ndisezintanjeni; ukuze ndithethe ngako ukungafihlisi, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako.
KWABASE-EFESE 6:10-20 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
OKO kuseleyo, bazalwana bam! yibani nokwomelezeka ENKOSINI, nasemandleni obomelelo bayo. Yambatani konke ukuxo̔ba KUKATIXO, ukuba nibe namandla ukuma ngakuwo amaqinga ka‐Satane. Ngokuba ukulwa kwetu kungengakuyo inyama negazi, kungakubo abanobupati, ngakubo abanegunya, ngakubo abapatilizwe bobumnyama belilizwe likoyo, ngakubo omoya benkohlakalo kwezasezulwini indawo. Ngenxa yoku tabatani konke ukuxo̔ba KUKATIXO, ukuze nibe namandla ukumela emhleni ombi, nokuti nikufezile kwa konke nje nime. Yimani ngoko, nisibinqile isinqe senu ngenyaniso, nisambete nesigcinisifuba sobulungisa, nenyawo zenu nizifakile izihlangu zokulungiselela kwevangeli yoxolo; pezu kwazo zonke ezizinto, nilitabatile ikaka lokolo, eniya kuba namandla ngalo ukucima zonke intolo ezitshayo zokohlakeleyo; nize namkele umnqwazi wosindiso, nesiṙele SOMOYA, esililizwi LIKATIXO; nitandaza ngamaxesha onke KUMOYA ngako konke ukutandaza nokukunga, nipapamela kwa yona lento, kuko konke ukuzingisa nokukunga ngenxa yabo bonke abangcwele; nikungela kwa nam, ukuba ndinikwe ilizwi ekuvuleni umlomo wam, ndize nditi ngokukalipa ndiyazise imfihlakalo yevangeli, enditi ngenxa yayo ndisisitunywa emxokelelwaneni; ukuba kuyo nditete ngokukalipa, njengoko ndifanele ukuteta ngako.