KWABASE-EFESE 6:10-12
KWABASE-EFESE 6:10-12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Elokugqiba, bazalwana bam, ndithi, Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo. Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi. Ngokuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.
KWABASE-EFESE 6:10-12 IBHAYIBHILE (XHO96)
Elokuphetha ndithi njengokuba nimanywe neNkosi nje, yomelelani nincedwa ngamandla ayo. Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana. Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama.
KWABASE-EFESE 6:10-12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Elokugqiba, bazalwana bam, ndithi, Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo. Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi. Kuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imimoya ekhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.
KWABASE-EFESE 6:10-12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
OKO kuseleyo, bazalwana bam! yibani nokwomelezeka ENKOSINI, nasemandleni obomelelo bayo. Yambatani konke ukuxo̔ba KUKATIXO, ukuba nibe namandla ukuma ngakuwo amaqinga ka‐Satane. Ngokuba ukulwa kwetu kungengakuyo inyama negazi, kungakubo abanobupati, ngakubo abanegunya, ngakubo abapatilizwe bobumnyama belilizwe likoyo, ngakubo omoya benkohlakalo kwezasezulwini indawo.