KWABASE-EFESE 4:17-32
KWABASE-EFESE 4:17-32 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoko ke ndiyanibongoza ndinilumkisa egameni leNkosi. Yahlukanani nokuziphatha ngokwabahedeni abangqiqo ziphuthileyo, abangqondo zimfiliba. Abananxaxheba kubomi bukaThixo, kuba basemnyameni ombonde-mbonde, baqaqadekile. Baphelelwe ziintloni, bazilahlele emanyaleni nasekungcoleni, bangooncanyelweni. Kodwa ke nina animfundanga ngolo hlobo uKrestu. Kambe senivile ngaye, ibe ke njengamaKrestu niyifundisiwe inyaniso kaKrestu. Ngoko ke silahleni isimo senu esidala. Besinilahlekisa ngeenkanuko ezingendawo ezinirhuqela ekufeni. Iintliziyo zenu mazihlaziyeke ngokupheleleyo. Thathani isimo esitsha esidalwe safuza uThixo, esizibonakalisa ngobomi obumsulwa, obungcwele, obunyanisekileyo. Ngoko ke musani ukuba saxoka! Elowo makathethe inyaniso nowabo, kuba xa sisonke singamalungu omzimba kaKrestu. Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli esonweni; futhi malingade litshone ilanga ninomsindo. Umtyholi musani ukumvulela indawo ebomini benu. Umntu obekade elisela makahlukane nokuba. Ndaweni yaloo nto makasebenze enyanisekile, azixhase, abe nako nokunceda abahlelelekileyo. Intetho ekrwada mayingaphumi emilonyeni yenu. Ukuthetha kwenu makuthambe, kube kokwakhayo, ukuze kube luncedo nentsikelelo kwabaphulaphuleyo. Musani ukumdakumbisa uMoya oyiNgcwele kaThixo, kuba uniphawulele umhla wokugqibela wenkululeko. Yahlukanani nayo yonke inzondo, iphuku, nomsindo; ukuthukisa, nokunyelisa nalo lonke ulunya. Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.
KWABASE-EFESE 4:17-32 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke ngoko, oku ndiyakutsho, ndikungqinela ngokwaseNkosini, ukuba ningabi sahamba njengoko zihamba ngako ezinye iintlanga, ngamampunge engqiqo yazo; Zenziwe mnyama iingqondo, zahlukanisiwe nobomi bukaThixo ngenxa yokungazi okukuzo, ngenxa yobumfama bentliziyo; abathe, bengaziva, bazinikela eburheletyweni, besebenza ubunqambi bonke, bebawa. Ke nina animfundanga ngokunjalo uKristu; Ukuba okunene nimvile, nafundiswa nguye, njengokuba inyaniso ikuye uYesu; yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla; manihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu; Nambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso. Kungoko ke ndithi, lahlani ubuxoki, thethani inyaniso elowo nommelwane wakhe; ngokuba singamalungu, omnye elelomnye. Qumbani, ningoni; ilanga malingade litshone nicaphukile; kananjalo musani ukumkhwelela indawo uMtyholi lo. Lowo ubayo makangabi seba; kanye ke makabulaleke esebenza okulungileyo ngezandla zakhe, ukuze abe nako ukwabela osweleyo. Makungaphumi nanye intetho ebolileyo emlonyeni wenu; Kanjalo musani ukumenza buhlungu uMoya oyiNgcwele kaThixo, enathi kuye natywinwa, naqiniselelwa imini yentlawulelo. Mabukhweleliswe kuni bonke ubukrakra, nomsindo, nengqumbo, nengcolo, nonyeliso, ndawonye nolunya lonke; Ke nina yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane kakhulu, nixolelane, njengokuba naye uThixo wanixolelayo ekuKristu.
KWABASE-EFESE 4:17-32 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke ngoko, oku ndiyakuthetha ndikungqine ndiseNkosini, ukuthi, maningabi sahamba njengoko zihamba ngako nezinye iintlanga, ngamampunge engqiqo yazo, zénziwe mnyama iingqondo, zingazani nobomi bukaThixo ngenxa yokungazi okukuzo, ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yazo; abathe bona, bengasaziva, bazinikela eburheletyweni, ukuze basebenze ukungcola konke, bebawa. Ke nina animfundanga ngokunjalo uKristu, ukuba kambe ningaba nimvile, nafundiswa nikuye, njengoko inyaniso ikuye uYesu; yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla; nihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu, nimambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso. Kungoko ke ndithi, lahlani ubuxoki, thethani inyaniso elowo nommelwane wakhe; ngokuba singamalungu, omnye elelomnye. Qumbani, ningoni; ilanga malingade litshone nicaphukile; kananjalo musani ukumkhwelela indawo uMtyholi lo. Lowo ubayo makangabi seba; kanye ke makabulaleke esebenza okulungileyo ngezandla zakhe, ukuze abe nako ukwabela osweleyo. Makungaphumi nanye intetho ebolileyo emlonyeni wenu; mayibe yesukuba ilungele ukuxuma oko kuluncedo, ukuze ibabale abevayo. Kanjalo musani ukumenza buhlungu uMoya oyiNgcwele kaThixo, enathi kuye natywinwa, naqiniselelwa imini yentlawulelo. Mabukhweleliswe kuni bonke ubukrakra, nomsindo, nengqumbo, nengcolo, nonyeliso, ndawonye nolunya lonke. Ke nina yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane kakhulu, nixolelane, njengokuba naye uThixo wanixolelayo ekuKristu.
KWABASE-EFESE 4:17-32 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
OKU ke ndiyakutsho, ndikunqi̔ne ENKOSINI, ukuba ningabi sahamba njengokuba besenje njalo nabanye abaheyideni ukuhamba, ekumateni kwoluvo lwabo, benziwe mnyama ekuqondeni kwabo, bahlukene nobomi BUKATIXO, ngenxa yokungazi okukubo, ngenxa yobulukuni bentliziyo yabo: abate bebujelwe kukuva nje bazilahlela ebutshinitshinini, kuze kwenziwe ubunco̔la bonke ngobubawa. Kodwa nina animfundanga u‐Kristu ngokunjalo; ukuba nite kambe neva yena, nafundiswa kuye, njengokuba injalo inyaniso ku‐Yesu; ukuba niti, okwokumila kwenu kwapambili, nimtule umntu omdala, oman’ ukwonakala ngokwenkanuko zenkohliso, nibe nihlaziywa emoyeni woluvo lwenu; nize nimambate umntu omtsha, ote ngokufuza UTIXO wadalwa ebulungiseni nasebungcweleni benyaniso. Ngako oko, senibeka nxamnye nje ubuxoki, tetani inyaniso nonke ngabanye nommelwane wenu; kuba singamalungu omnye nomnye. Qumbani, ize ningoni ke: ilanga malingatshoni pezu kwengqumbo yenu; ninganiki indawo ku‐Satane kanjalo. Oba̔yo makangabi seba̔: kodwa ngokukumbi makasebenze, esenza oko kulungileyo ngezandla zake, ukuze abe nako ukwabela lowo unokuswela. Makungapumi nakunye ukuteta okubolileyo emlonyeni wenu, makube koko kusukuba kulungele ukumiswa kwokuswela okukoyo, ukuze kunike ufefe kwabakuvayo; ize ke ningamdanisi UMOYA OYINGCWELE KATIXO, enanite kuye nancanyatiselelwa imini yokukululwa. Makukweleliswe kuni bonke ubuṙaṙa, nomsindo, noqumbo, nengxolo, nogxeko, kunye nalo lwonke ulunya; kodwa yibani ninobubele omnye kwomnye, ninenceba, nixolelana, njengokuba ete NOTIXO ku‐Kristu waxolela nina.