KWABASEKOLOSE 3:1-17

KWABASEKOLOSE 3:1-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ukuba ngoko navuswa kunye noKristu, funani izinto zaphezulu, apho akhona uKristu, ehleli ngasekunene kukaThixo. Nyamekelani izinto zaphezulu, zingabi zezasemhlabeni. Kuba nafayo, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKristu kuye uThixo. Xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini. Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko; eza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo; enanifudula nihamba phakathi kwazo nani, okuyá nibe nisidla ubomi nikuzo. Ke ngoku, nani aba, kulahleni oku konke: ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu. Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe, nambatha lowo umtsha, uhlaziyelwa ekwazini okuhle, ngokomfanekiselo walowo wamdalayo; apho kungekho mGrike namYuda, kwalùka nokungaluki, mbharbhari• namSkitiya, khoboka namkhululeki; usuke uKristu waba zizinto zonke, waba kubo bonke. Yambathani ngoko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele, abathandiweyo, iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo, ninyamezelana, nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani. Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalékani uthando, oluyintambo yogqibelelo. Uxolo lukaThixo, enabizelwa kwakulo mzimbeni mnye, malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela. Ilizwi likaKristu malihlale ngaphakathi kwenu ngokobutyebi; nifundisana, nilulekana ngabo bonke ubulumko; nithi, ngeendumiso neengoma nezango ezizezomoya, nivume kamnandi entliziyweni yenu kuyo iNkosi. Nako konke enisukuba nikwenza ngelizwi, nokuba kungomsebenzi, yenzani izinto zonke egameni leNkosi uYesu, nibulela ngayo kuye uThixo uYise.

KWABASEKOLOSE 3:1-17 IBHAYIBHILE (XHO96)

Njengoko kaloku navuswa kunye noKrestu, yibani nomdla kwizinto zasezulwini, apho akhoyo uKrestu, ehleli kwiwonga alinikwe nguThixo. Iingqondo zenu zimiliseleni kwizinto zaphezulu, kungabi kwizinto zalo mhlaba. Kaloku nafa; ngoko ke ubomi benu busafihlakele kunye noKrestu kuThixo. UKrestu bubomi benu; ngoko ke, akubonakaliswa yena, nani niya kubonakala ningoomaqhuzu kunye naye. Ngoko ke yitshitshiseni iphele kuni imikhwa yeli hlabathi: ukurheletya, ukungcola, ukutshiseka, iinkanuko, nokunyoluka okukwalunqulo-zithixo. Izimilo ezinje zizondwa yingqumbo kaThixo. Nani ke ngokuyâ naningekaguquki naniziphethe ngolu hlobo. Kodwa ke ngoku zilumleni kuzo zonke ezi zinto: ingqumbo, iphuku, ububi, ukuthuka, nokuthetha krwada. Ngoku nisilahlileyo isimo esidala sanukuxokisana. Kaloku ngoku nambethe isimo esitsha, athe chu kuhle ukusihlaziya uThixo, ukuze sifuze yena mdali waso, nokuze nani nimazi ngokupheleleyo. Apho ke akusekho mahluko phakathi komGrike nomJuda, owalukileyo nongalukanga, abangaphucukanga nabaphantsi, ikhoboka nokhululekileyo; kuba uKrestu uyinto yonke, ekubo bonke. Ningabantu bakaThixo abanyuliweyo abathandiweyo nina, abakhe ngenkqu. Ngoko ke nxibani ezifanele abakhe: inceba, ububele, ukuthobeka, ubulali, nomonde. Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo. Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo. Uxolo eniluphiwa nguKrestu malube lulo olugweba iintliziyo zenu, kuba uThixo wanibizela kolu xolo ukuze nibe ngamalungu omzimba omnye. Phuphumani ke ngumbulelo. Maluhlale ngokupheleleyo ezintliziyweni zenu udaba lukaKrestu. Fundisanani, niyalane ngobulali. Culani iindumiso, nihlabele amaculo, nivuma iingoma zoMoya, nibulela uThixo ngentliziyo. Nantoni na ke eniyenzayo, nokuba niyathetha, nokuba niyenza, yenzeleni egameni leNkosi uYesu, nibulela uThixo uYise ngayo.

KWABASEKOLOSE 3:1-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ukuba ngoko navuswa kunye noKristu, funani izinto zaphezulu, apho akhona uKristu, ehleli ngasekunene kukaThixo. Nyamekelani izinto zaphezulu, ingabi kwizinto zasemhlabeni. Kaloku nafa, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKrestu kuye uThixo. Xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini. Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni; uhenyuzo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko; eza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo; enanifudula nihamba kuzo nani, oko nibe nisidla ubomi nikuzo. Kodwa ke ngoku nani zilahleni zonke ezi zinto; ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu. Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe; nambatha lowo umtsha, uhlaziyelwa ekwazini okuhle, ngokomfanekiselo walowo wamdalayo; apho kungekho mGrike namYuda, kwaluka nokungaluki, mbharbhari namSkitiya, khoboka namkhululeki; usuke uKristu waba zizinto zonke, waba kubo bonke. Yambathani ngoko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele, abathandiweyo, iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo; ninyamezelana, nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani. Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalekani uthando, oluyintambo yogqibelelo. Uxolo lukaThixo, enabizelwa kwakulo mzimbeni mnye, malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela. Ilizwi likaKristu malihlale ngaphakathi kwenu ngokobutyebi; nifundisana, nilulekana ngeendumiso neengoma nezango ezizezomoya, nivume kamnandi entliziyweni yenu kuyo iNkosi. Nako konke enisukuba nikwenza ngelizwi, nokuba kungomsebenzi, yenzani izinto zonke egameni leNkosi uYesu, nibulela ngayo kuye uThixo uYise.

KWABASEKOLOSE 3:1-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

UKUBA ngoko nibe nivuswa kunye no‐Kristu, funani izinto ezipezulu, apo u‐Kristu akona, ehleli ngasekunene KWOTIXO. Nyamekelani izinto ezipezulu, ninganyamekeli izinto ezisemhlabeni. Ngokuba nafayo, nobomi benu bona bufihlelwe kunye no‐Kristu KUTIXO. Okuya u‐Kristu, obubomi betu, uya kubonakaliswa, niya kwandula oko nani nibonakaliswe kunye naye ebungcwaliseni. Fisani ngoko amalungu enu asemhlabeni; umbulo, ubunco̔la, ukuva okubi, inkanuko ekohlakeleyo, nobubawa, obuti bona buyinkonzo yezitixo: ekungenxa yezizinto umsindo KATIXO uza pezu kwalo usapo lwokungeva; enanifudula nihamba pakati kwalo nani, okuya nibe nihlala kuzo. Kodwa kaloku zibekeni nxamnye nani zonke ezi, uqumbo, umsindo, ulunya, ugxeko, ukuteta okuhlazekileyo emlonyeni wenu. Ningaxoki omnye kwomnye, nimtulile nje umntu omdala kunye nezenzo zake, namambata omtsha, ohlaziyelwa ngasekwazini ngokwomfanekiso walowo wamdalayo: apo kungeko kona um‐Girike nom‐Juda, ukwaluka nokungaluki, um‐Babare nom‐Sitiya, ikoboka nokululekileyo; koko u‐Kristu ezinto zonke, nakubo bonke. Yambatani ngoko, njengabaqashwa BAKATIXO, abangcwele nabatandiweyo, inceba zetaṙu, ububele, ukutobeka kwentliziyo, ululamo, ukuzeka kade; ninyamezelana, nixolelana, ukuba kuko omnye onesikalazo ngakuye omnye; njengokuba naye u‐Kristu ebexolela nina, nisenje njalo nani. Kodwa pezu kwazo zonke ezizinto yambatani utando, olungumbambo wemfezeko. Kanjako uxolo LUKATIXO malube nokupata ezintliziyweni zenu, enibe nibizelwa kulo kanjako emzimbeni mnye; nize nibe nokubulela. Ilizwi lika‐Kristu malikolise ukuma kuni, nifundisana nilulekana ngobulumko bonke, ngamaculo, nangengoma zokudumisa, nangezivumo ezibumoya, nivuma ngofefe ezintliziyweni zenu ENKOSINI. Nako konke enisukuba nikwenza ngelizwi umhlaumbi ngesenzo, zonke izinto zenzeni egameni LENKOSI u‐Yesu, nibulela kuye UTIXO noyise ngayo yona.

KWABASEKOLOSE 3:1-17

KWABASEKOLOSE 3:1-17 XHO75KWABASEKOLOSE 3:1-17 XHO75KWABASEKOLOSE 3:1-17 XHO75KWABASEKOLOSE 3:1-17 XHO75