IZENZO 8:29-31
IZENZO 8:29-31 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Uthe ke uMoya kuFilipu, Yiya ukhwele kule nqwelo. Wabaleka ke uFilipu, waya kuyo, wayiva ilesa incwadi yomprofeti uIsaya; wathi, Ùyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo? Ithe ke yona, Ndingaba nako ngani na, kungekho undikhokelayo nje? Kanjalo yambongoza uFilipu ukuba akhwele ahlale nayo.
IZENZO 8:29-31 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wathi uMoya oyiNgcwele kuFilipu: “Yiya kulaa nqwelo, uhambe nayo.” UFilipu wakhawuleza waya kuyo, waza wamva unondyebo lowo efunda encwadini yomshumayeli uIsaya, wambuza wathi: “Uyayilandela na le nto uyifundayo?” Waphendula wathi: “Ndingathini ukuyilandela kungekho bani undichazelayo?” Watsho wacela uFilipu ukuba akhwele enqwelweni ahambe naye.
IZENZO 8:29-31 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Uthe ke uMoya kuFilipu, Yiya ukhwele kule nqwelo. Wabaleka ke uFilipu, waya kuyo, wayiva ilesa incwadi yomprofeti uIsaya, wathi, Uyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo? Ithe ke yona, Ndingaba nako ngani na, kungekho undikhokelayo nje? Kanjalo yamcela uFilipu ukuba akhwele ahlale nayo.
IZENZO 8:29-31 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza wati UMOYA ku‐Filipi: Sondela, uhlangane nalenqwelo. Waza u‐Filipi wagidimela kona, wamva elesesha incwadi yomprofite u‐Yisaya, wati: Uqonda ke na oko ukuleseshayo? Wati yena: Ndingati nina ukuqonda pofu, ukuba akuko mntu ondikapayo? Waza wambongoza u‐Filipi ukuba akwele ahlale naye.