USAMUWELI II 3:18
USAMUWELI II 3:18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
yenzani kaloku, ngokuba uYehova utshilo kuDavide, ukuthi, Ndiya kubasindisa ngesandla sikaDavide, umkhonzi wam, abantu bam amaSirayeli esandleni samaFilisti, nasesandleni seentshaba zabo zonke.
USAMUWELI II 3:18 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nali ke ngoku elo thuba. Ze nikhumbule ukuba nguNdikhoyo owathi kuDavide: ‘Sisicaka sam uDavide endiya kukhulula abantu bam amaSirayeli ngaso kumaFilistiya nakuzo zonke iintshaba zabo.’ ”
USAMUWELI II 3:18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yenza ngoku, ngenxa yokuba uYehova wathetha ngoDavide esithi: “Ngesandla sikaDavide umkhonzi wam ndiya kubahlangula abantu bam amaSirayeli esandleni samaFilisti nasesandleni seentshaba zabo zonke.
USAMUWELI II 3:18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
ngako kaloku yenzani; ngokuba UYEHOVA etetile ngo‐Davide, esiti: Ngesandla sika‐Davide isicaka sam ndiya kusindisa abantu bam o‐Sirayeli esandleni sama‐Filistiya, nasesandleni sentshaba zabo zonke.