OOKUMKANI I 3:6
OOKUMKANI I 3:6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi uSolomon, Wena wenza inceba enkulu kumkhonzi wakho uDavide ubawo, njengoko abehamba phambi kwakho enyanisweni, nasebulungiseni, nangokuthi tye kwentliziyo kuwe, wamgcinela le nceba inkulu, wamnika unyana ohleli etroneni yakhe, njengokuba kunjalo namhla.
OOKUMKANI I 3:6 IBHAYIBHILE (XHO96)
USolomon waphendula wathi: “Wena wasenzela ububele obukhulu isicaka sakho ubawo uDavide, ngenxa yokuba wayethembekile kuwe elilungisa, umfo ontliziyo ithe tse. Ezo zibele zakho ke uziqhubele phambili kwada kwanamhlanje, kuba umnike unyana ukuze achophe esihlalweni sakhe.
OOKUMKANI I 3:6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi uSolomon, Umenzele inceba enkulu umkhonzi wakho uDavide, ubawo, njengoko abehamba phambi kwakho enyanisweni, nangobulungisa, nangentliziyo elungileyo; wambambela olu babalo bukhulu, wada wamnika unyana ukuba ahlale etroneni yakhe, njengoko kunjalo namhla.
OOKUMKANI I 3:6 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wayesiti u‐Solomone: Usenzele isicaka sako u‐Davide ubawo ububele obukulu, njengokuba ebehamba pambi kwako ngenyaniso, nangobulungisa, nangolungelelwano lwentliziyo kunye nawe; kanjalo umgcinele obububele bukulu, bokuba umnikile unyana ohleli pezu kweterone yake, njengokuba kunjalo namhla nje.