Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo: inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni. Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade, kodwa iingqondo zenu maziguquke zihlaziyeke, nize niyivume intando kaThixo, yona ilungileyo, ikholekileyo, igqibeleleyo. Ngalo ubabalo endababalwa ngalo ndithi kuni nonke: Musani ukuzicingela ngaphezu koko umntu amelwe kukuzicingela ngako; mabacinge ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abele ulowo umlinganiso wokholo. Kuba, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye. Ngokunjalo thina, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu, yaye sonke ngabanye singamalungu omnye elomnye. Masizisebenzise ke iziphiwo ezahlukeneyo esababalwa ngazo nguThixo. Ukuba sinesiphiwo sokuvakalisa ilizwi elivela kuThixo, masilivakalise ngokokholo esinalo; nokuba sinobulungiseleli, masihlale ebulungiselelini obo; nokuba ngofundisayo, makahlale emfundisweni leyo; nokuba ngovuselelayo, makahlale ekuvuseleleni oko; owabayo makabe engenakumbi; owongamelayo, makahlale enyamekile; owenza inceba makayenze inceba echwayithile. Uthando malungabi naluhanahaniso. Kwenyanyeni okungendawo; namathelani kokulungileyo. Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele; mayela nembeko leyo, phangelanani; Musani ukunqena ishishini; ushushu emoyeni; khonzani iNkosi; Vuyani ninethemba; nyamezelani embandezelweni; nizingisa emthandazweni; Yiboneleleni iintswelo zamakholwa; ziphatheni ngokubuka iindwendwe. Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi. Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo. Cingelanani nto-nye; musani ukucinga izinto eziphakamileyo, tsalelani kwezithobekileyo. Musani ukuba ziingqondi ngokwenu. Musani ukubuyekeza ububi ngobubi nakubani. Yenzani okulungileyo phambi kwabantu bonke. Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke. Zintanda, musani ukuziphindezelela, yikhweleleni ingqumbo; kuba iziBhalo zithi: “Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna, utsho uYehova. Ngoko ke, ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ludle; ukuba lunxaniwe, luseze; kuba ngokwenjenjalo ke, woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo. Musa ukoyiswa bububi; boyise ububi ngokulungileyo.