uYehova uyayincothula indlu yabanekratshi, Amise umlimandlela womhlolokazi. Zingamasikizi kuYehova iingcinga zongendawo; Ke amazwi ahlambulukileyo ayathandeka. Olungileyo uyihlisela ububi indlu yakhe; Ke yena othiya izibabalo uya kudla ubomi. Intliziyo yelungisa iya kuphendula; Ke yona imilebe yongendawo impompoza ububi. uYehova ukude nabangendawo, kodwa uyawuva umthandazo wamalungisa. Ukukhanya kwamehlo kuvuyisa intliziyo; Iindaba ezimnandi zityebisa amathambo. Indlebe esivayo isohlwayo sobomi, Ihlala phakathi kwezilumko. Ophulukene noqeqesho ucekisa umphefumlo wakhe; Osivayo isohlwayo uba nokuqonda. Ukoyika uYehova luqeqesho lobulumko; kwaye ukuthobeka kukhokela isidima.
Funda iMizekeliso 15
Share
Compare All Versions: iMizekeliso 15:25-33
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos