Bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane. Athi kubafundi bakhe, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndithandaze; Wathabatha uPetros noYakobi noYohane, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu. Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde. Ehambele phambili umganyana, wawa emhlabeni, wathandazela, ukuba kunokwenzeka, lidlule kuye ilixa elo. Wayesithi, Abha, Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe. Uyeza, abafumane belele; athi kuPetros, Simon, ulele na? Ubungenakulinda na nelixa libe linye? Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile. Wabuya wemka wathandaza, ethetha kwalona elo lizwi.
Funda uMarko 14
Share
Compare All Versions: uMarko 14:32-39
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos