Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMateyu 26:1-35

uMateyu 26:1-35 CXB24

Kwathi, xeshikweni uYesu ebewagqibile onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe, Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika, aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni. Bahlanganisana ngoko ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa. Babhunga ukuba bambambe uYesu ngobuqhophololo, bambulale. Babesithi ke, Kungabi ngomthendeleko, hleze kubekho isaqunge phakathi kwabantu. Kwathi, uYesu eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, Kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wamgalela entloko, akubon’ ukuba uhleli ngasesithebeni. Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho? Kuba la mafutha ngekuthengiswe ngawo ngexabiso elikhulu, kwaphiwa amahlwempu. Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? ngokuba undenzele umsebenzi olungileyo. Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; ke mna anihleli ninam. Kuba xa egalele la mafutha aqholiweyo emzimbeni wam, wenzele ukungcwatywa kwam. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye. Ngelo xesha kwaphuma omnye weshumi elinababini, ekuthiwa nguYuda Sikariyoti, waya kubabingeleli abakhulu, Wathi kubo, Ningandinika ntoni na, ndimnikele kuni? Banqophisana naye ngamaqhosha esilivere amashumi mathathu. Waza kwalapho wafuna ithuba elimlungeleyo lokuze amnikele kubo. Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abafundi kuYesu, besithi kuye, Ùfuna ukuba sikulungisele phi na ukuyidla ipasika? Wathi ke yena, Hambani niye kuwo umzi, kuthile, nithi kuye, Uthi uMfundisi, ixesha lam likufuphi; ndiya kuyenzela kwakho ipasika nabafundi bam. Benza ke abafundi njengoko uYesu wayebayalele ngako; bayilungisa ke ipasika. Kwakuhlwa ke, wahlala ngasesithebeni nabalishumi elinababini. Xa badlayo, wathi, Inene ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha. Bakuba buhlungu kakhulu, baqala ukuthi kuye bonke ngabanye, Ingaba ndim, yini na, Nkosi? Waphendula ke yena wathi, Osithe nkxu nam isandla esityeni, nguye lowo uya kundingcatsha. uNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhalwe ngaye; yeha ke, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu. Waphendula ke uYuda, lowo umngcatshayo, wathi, Ingaba ndim, yini na, Rabhi? Wathi ke yena kuye, Uselutshilo nawe. Bakubon’ ukuba bayadla, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela, waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo. Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke; kuba ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono. Ndithi ke kuni, Andisayi kusela kwesi siqhamo somdiliya, kuthabathela kweli xesha, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela nani sisitsha ebukumkanini bukaBawo. Bakuba bevume ingoma yokubonga, baphuma baya eNtabeni yemiNquma. Ngelo xesha uthi uYesu kubo, Nina nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kumbetha umalusi, zichithwachithwe izimvu zomhlambi. Kodwa emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela ndiye kwelaseGalili. Waphendula ke uPetros wathi kuye, Nokuba bonke baya kukhubeka ngawe, andisayi kukha ndikhubeke mna. Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, Kwangobu busuku, ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Athi uPetros kuye, Ndingafanelana ndimelwe kukuba ndife nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho ke bonke abafundi.