Waza uYesu wathetha kwindimbane nakubafundi bakhe, besithi, Ababhali nabaFarisi bahleli esihlalweni sikaMoses; Konke ngoko abasukuba besithi kuni kugcineni, ze nikugcine nikwenze; kodwa ze ningenzi ngokwemisebenzi yabo; kuba bayathetha baze bangenzi. Kuba babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu; kodwa bona abafuni kuzishukumisa nangomnwe lo wabo. Yonke imisebenzi yabo ke bayenza ukuze babonwe ngabantu; bawenza banzi amafilakteriyu abo, bayandise imiqukumbelo yeengubo zabo. Bathanda izihlalo eziphambili esidlweni, nezihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungu, nemibuliso ezindaweni zembutho, nokubizwa kwabantu ngokuthi, Rabhi, Rabhi. Ke nina maningabizwa kuthiwe Rabhi, kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana. Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini. Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu. Omkhulu ke kuni makabe ngumlungiseleli wenu. Osukuba ke eziphakamisa uya kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa.
Funda uMateyu 23
Share
Compare All Versions: uMateyu 23:1-12
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos