Kwathi, xeshikweni uYesu ebewagqibile la mazwi, wanduluka kwelaseGalili, weza emideni yelakwaYuda, phesheya kweYordan. Wayelandelwa ngabantu abaninzi; wabaphilisa khona. Kweza kuye abaFarisi bemlinga, besithi kuye, Kuvumelekile na ukuba indoda imale umfazi wayo nangasiphi na isizathu? Waphendula ke wathi kubo, Aniyilesanga na, ukuba lowo wabadalayo kwasekuqalekeni wabadala bayindoda nenkazana? Wathi, Ngenxa yoko umntu womshiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe, baze abo babini babe nyama-nye? Ngako oko abasebabini, banyama-nye. Oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu. Bathi kuye, Yini na ukuba uMoses awise umthetho wokuthi, makamnike incwadi yokwahlukana, amale? Athi kubo, uMoses ngenxa yobulukhuni beentliziyo zenu wanivumela ukuba nibale abafazi benu; ke ekuqalekeni bekungenjalo. Ndithi ke kuni, Othe wamala umfazi wakhe, kungengaluhenyuzo, wazeka omnye, uyakrexeza; Bathi kuye abafundi bakhe, Ukuba unjalo umcimbi womntu nomfazi, akulungile ukuzeka. Wathi ke yena kubo, Asibantu bonke abaliqondayo eli lizwi, ingengabo banikiweyo. Kuba kukho amathenwa azalwa enjalo kwasesizalweni sonina; kukho namathenwa enziwa abantu amathenwa; kukho namathenwa azithenwayo ngenxa yobukumkani bamazulu. Lowo unako ukukwamkela, makakuthabathe; Kwaza kwaziswa kuye abantwana, ukuze abeke izandla phezu kwabo, abathandazele; basuka abafundi babakhalimela. Wathi ke uYesu, Bayekeni abantwana, ningabaleli ukuza kum; kuba ubukumkani bamazulu bobabo banjalo. Wazibeka izandla phezu kwabo, wemka apho.