Ke kaloku, wayesithi nakubafundi bakhe, Kwaye kukho umntu othile osisityebi, obenegosa; laza lona lamangalelwa kuye, lokuba uyichithe impahla yakhe. Elibizile ke, wathi kulo, Yintoni na le ndiyivayo ngawe? Khawenze ingxelo yobugosa bakho; kuba akusayi kuba saba ligosa. Lathi ke igosa ngaphakathi kwalo, Ndiya kuthini na? Ngokuba inkosi yam iyabuhlutha ubugosa kum; ukungqiba ndineentloni. O! ndiyayazi into endiya kuyenza, ukuze xa ndithe ndakhutshwa ebugoseni, bandamkele ezindlwini zabo. Libabizele kulo ngabanye abanetyala enkosini yalo, lathi kowokuqala, Unatyala lingakanani na enkosini yam? Uthe ke yena, Likhulu leekore zeoli. Wathi kuye, Thabatha incwadi yakho, uhlale phantsi kamsinya, ubhale amashumi amahlanu. Aze athi komnye, Wena ke unatyala lingakanani na? Uthe ke yena, Likhulu leekore zengqolowa. Wathi kuye, Thabatha incwadi yakho, ubhale amashumi asibhozo. Yaza inkosi leyo yalincoma igosa elingalungisiyo, ngokuba lenza ngokuqonda; ngokuba bona abeli phakade kwesabo isizukulwana banokuqonda, ngaphezu kwabo abokukhanya. Nam ndithi kuni, Zenzeleni izihlobo ngobutyebi bokungalungisi; ukuze xa nithe naphelelwa, banamkele eminqubeni engunaphakade. Othembekileyo kokona kuncinane, uthembekile nakokukhulu; nongalungisiyo kokuncinane, akalolungisa nakokukhulu. Ukuba ngoko anibanga nakuthembeka ebutyebini bokungalungisi, ngubani na owonithemba kobo buyinyaniso? Ukuba anibanga nakuthembeka koko komnye, ngubani na oya kuninika okukokwenu? Akukho mkhonzi unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le, athande leya; athi mhlawumbi abambelele kule, ayidele leya; Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi. Ke kaloku baye beziva ezo ndawo zonke nabo abaFarisi, amathanda-mali; baye bemsinekela ke. Wathi kubo, Nina ningabazigwebelayo emehlweni abantu; kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu; kuba oko kuphakanyisiweyo phakathi kwabantu, kulisikizi emehlweni kaThixo. Umthetho nabaprofeti babekho kwada kwakuYohane; kuselokoko, ubukumkani bukaThixo buyashunyayelwa, bonke bayangena kubo ngokugonyamela. Ke kulula ukuba lidlule izulu nomhlaba, kunokuba kuwe nalinye isuntswana lomthetho. Othe wamala umfazi wakhe, wazeka omnye, uyakrexeza; nomntu wonke ozeka owaliweyo endodeni, uyakrexeza.