Amaculo 72

72
ICULO LXXII.
Eliba̔lelwe u‐Solomone.
1TIXO! nika izigwebo zako kukumkani, nobulungisa bako kunyana wokumkani. 2Uya kupata abantu bako ngobulungisa, namahlwempu ako ngobugwebo. 3Intaba ziya kuvelisela abantu uxolo, kwa nenduli, ngenxa yobulungisa. 4Uya kugwebela amahlwempu abantu; uya kusindisa onyana babasweleyo; uya kutyumza umbandezeli.
5Baya kukwoyika kunye nokuhlala kwelanga nenyanga, izizukulwana ngezizukulwana. 6Wohla njengemvula pezu kwenca esikiweyo, njengezipango ezinyelayo umhlaba kakulu. 7Emihleni yake olungileyo uya kuhluma, nobuninzi boxolo ide inyanga ingabi sabiko.
8Waeya kupata ngobukosi kwa selwandle kude kube selwandle, nasemlambo kude kube sezincanyeni zomhlaba. 9Abemi bentlango baya kuguqa pambi kwake, nentshaba zake ziya kukota utuli. 10Okumkani base‐Tareshishe nabeziqiti bozisa umnikelo; okumkani base‐Sheba nabase‐Seba bosondeza amabaso. 11Ewe, okumkani bonke baya kutoba pantsi kuye; izizwe zonke ziya kumkonza.
12Ngokuba eya kukulula osweleyo akukala; nolusizi okungeko mncedi kuye. 13Uya kuba nenceba kolihlwempu nosweleyo; nemipefumlo yabasweleyo woyisindisa. 14Uya kukulula umpefumlo wabo ebuqingeni nasebudlwengwini; negazi labo loba yinto enqabileyo emehlweni ake.
15Waeya kuhlala epilile, kunikwe kuye kwigolide yase‐Sheba; kwakuya kutandazelwa yena futi, abongwe imihla yonke. 16Kuya kubako intwana yenqolowa emhlabeni pezu kwengcopo yentaba; isixakato sayo siya kuṙatshaza njenge‐Lebanone: nabasesixekweni baya kutyatyamba njengenca yomhlaba. 17Igama lake liya kubako kude kube ngunapakade; igama lake lohlala kunye nokuhlala kwelanga; abantu botanyusanqelwa ngaye; zonke izizwe zombiza ngonetamsanqa.
18Makabongwe uyehova utixo, utixo wo‐Sirayeli, owenza yedwa imimangaliso. 19Malibongwe negama lake eliyingcwalisa kude kube ngunapakade; uti umhlaba wonke uzaliswe bubungcwalisa bake. Amene, ewe Amene.
20Imitandazo ka‐Davide unyana ka‐Jese ipelile.

Currently Selected:

Amaculo 72: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena