Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Imizekeliso 2:1-22

Imizekeliso 2:1-22 XHO1902A

NYANA wam! ukuba uya kwamkela iziteto zam, uyibekele kuwe nemiyalelo yam; ukuze unikele indlebe yako ebulumkweni, utobele intliziyo yako ekuqondeni; ewe, ukuba uya kubiza ingqondo, upakamisele ilizwi lako ingqiqo; ukuba uya kubufuna njengesilivere, ubupengulule njengendyebo eziselelweyo; uya kwandul’ ukuqonda ukwoyikwa KUKAYEHOVA, ufumane ukwaziwa KUKATIXO. Ngokuba UYEHOVA esipa ubulumko; ukwazi nokuqonda kuvela emlonyeni wake. Uyabekelela abalungileyo usizo; ulikaka kwabalungisa ukuhamba kwabo: aze alinde indlela zobugwebo, agcine umendo wabangcwele bake. Uya kwandul’ ukuqonda ubulungisa, nobugwebo, nolungelelwano, — yonke imikwa elungileyo. Okuya ubulumko buya kungena entliziyweni yako, nokwazi kuya kuba mnandi empefumlweni wako; intelekeleliso yokugcina, ingqiqo yokulinda: ukuba usindiswe endleleni yokohlakeleyo, nasemntwini oteta izinto zobumenemene; abashiya indlela zokulunga, ukuze bahambe ezindleleni zobumnyama; abavuyela ukwenza inkohlakalo; abagcoba ngobumenemene bokohlakeleyo; abandlela zigwenxa, benokanda emikweni yabo: ukuba usindiswe kuye umfazi wasemzini, kulowo ungaziwayo, ozenza butelezi iziteto zake; oshiyayo umhlobo wobutsha bake, alibale ucebano LWOTIXO wake. Ngokuba indlu yake itshonela ekufeni, nendlela zake kubafileyo. Bonke abangenayo kuye abayi kubuya; abayi kufumana indlela zobomi kanjako. Ukuze uhambe endleleni yabalungileyo, nendlela zabalungisayo uzigcine. Ngokuba abayinene beya kuma umhlaba, nabafezekileyo beya kusala kuwo. Kodwa abakohlakeleyo baya kunqanyulwa emhlabeni, nabenzayo ngobuxoki baya kudonyulwa kuwo.