KWAYE kute, xeshekweni abezigqibile u‐Yesu iziteto ezi, wesuka e‐Galili, weza emideni yase‐Judeya, pesheya kwe‐Yoredane. Zaza zamlandela izihlwele ezininzi, wabapilisa abafayo apo ke.
Kweza kuye nabafarisi bemlinga, besiti kuye: Kufanelekile emntwini ukulahla umfazi wake ngenxa yamatuba onke na? Wapendula wati kubo: Anileseshanga na ukuba umdali wabenza kwa sekuqalekeni indoda nomfazi, waza wati: Ngenxa yoku umntu uya kushiya uyise nonina, anamatele emfazini wake, baze abo babini babe yinyama nye? Ngako oko abasebabini, bayinyama nye. Ngoko ke, oko UTIXO akubandakanyileyo, makungahlulwa mntu. Bati kuye: Pofu ibiyinina ukuba u‐Mosesi waxelela ukunika incwadi yokwahlukanisa, nokumlahla? Wati kubo: u‐Mosesi, ngenxa yobulukuni bentliziyo zenu, wanivumela ukuba nilahle abafazi benu; koko kungabanga njalo kwa sekuqalekeni. Kodwa nditi kuni: Osukuba elahla umfazi wake, engamlahli ngambulo kupela, aze azeke omnye, uyaṙexeza; nalowo uzeka umfazi olahliweyo, uyaṙexeza naye.
Bati kuye abadisipile bake: Ukuba iba njalo indawo yomntu kunye nomfazi wake, akumlungele ukuzeka. Koko wati kubo: Abalamkeli elilizwi bonke abantu; ngabanikiweyo abalamkelayo kupela. Ngokuba kuko abatenwa abazelweyo benjalo kwa sesizalweni sonina; kuko nabatenwa, abenziweyo abatenwa ngabantu; kuko nabatenwa, abazenzileyo abatenwa ngenxa yobukumkani bezulu. Ongamkela oku, makakwamkele.
Kwandula kwaziswa kuye abantwana, ukuze abeke izandla pezu kwabo, atandaze: bati ke abadisipile babatetisa. Kodwa u‐Yesu wati: Vumelani abantwana, ize ningabaleli, ukuza kum; ngokuba ubukumkani bezulu bubobabanjalo. Waza wabeka izandla pezu kwabo, wemka apo.