Ivangeli ka‐Mateyu 13:33-58

Ivangeli ka‐Mateyu 13:33-58 XHO1902A

Omnye umzekeliso wawuteta kubo, esiti: Ubukumkani bezulu bufana negwele, owalitabatayo umfazi, walifihlela ezilinganisweni zitatu zomgubo, wada wabiliswa wonke. Ezizinto zonke waziteta u‐Yesu ngemizekeliso kwizihlwele; wabengateti ke kuzo kungeko umzekeliso; ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngumprofite, esiti: Ndiya kuvula umlomo wam ngemizekeliso; ndiya kuxela izinto ezifihliweyo kwa sekumisweni kwelizwe. Wati akuba ezindulule izihlwele, wandula wangena u‐Yesu endlwini. Kekaloku beza kuye abadisipile bake, besiti: Sityilele umzekeliso wezizani zentsimi. Waza wapendula wati kubo: Ohlwayela imbewu elungileyo ungunyana wesintu; intsimi ililizwe; imbewu elungileyo, eyona ilusapo lwobukumkani; izizani zilusapo lwokohlakeleyo; utshaba olwazihlwayelayo lungu‐Satane; ukuvuna kukugqityelwa kwelizwe elikoyo; abavuni bazingelosi. Njengokuba ke zibutwa izizani, zitshiswe ngomlilo, kwoba njalo ekugqityelweni kwelilizwe likoyo: unyana wesintu wotuma ingelosi zake, eziya kubuta ebukumkanini bake zonke izixakanisi, nabo bakwenza okungalungileyo, zibapose esidlangalaleni somlilo; apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo. Oko abalungileyo baya kukanya njengelanga ebukumkanini BOYISE wabo. Onendlebe zokuva, makeve. Kanjalo ubukumkani bezulu bufana nendyebo ifihlelwe entsimini, ati akuyifumana umntu, ayifihle, aze ngovuyo lwake aye atengise ngako konke anako, ayitenge leyontsimi. Kanjalo ubukumkani bezulu bufana nomtengi efuna iperule ezintle; owati akuyifumana iperule inye exabiso likulu, waya watengisa ngako konke abenako, wayitenga. Kanjalo ubukumkani bezulu bufana notambo oluposiweyo elwandle, lwahlanganisa kwintlobo zonke; olwati lwakuzaliswa, balur̔olela pezu kwonxweme, baza behleli pantsi ke ezilungileyo bazibutela ezityeni, kodwa ezibolileyo bazilahla. Kwoba njalo ekugqityelweni kwelizwe elikoyo: ziya kupuma ingelosi, zahlule abakohlakeleyo kwa kubo abalungileyo, zibapose esidlangalaleni somlilo; apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo. Wati u‐Yesu kubo: Niziqondile na zonke ezizinto? Bati kuye: Ewe, Nkosi! Waza wati kubo: Ngako oko bonke ababa̔li abafundiselwe ubukumkani bezulu bafana nomninindlu, owaku̔payo kwimbekelo yake into ezintsha nezindala. Kwaye kute, xeshekweni abeyigqibile u‐Yesu lemizekeliso, wesuka kona. Waza wati akufika ezweni lakowabo, wabafundisa endlwini yentlanganiso yabo, bada bamangaliswa bati: Uzuze pina lo obubulumko nezizenzo zamandla? lo asi nguye unyana wencibi yemiti na? unina asi ngo‐kutiwa ngu‐Mariya na? nabazalwana bake asi ngabo o‐Yakobi, no‐Jose, no‐Simone, no‐Jude na? nodade bake abako na kuti bonke? uzuze pina pofu lo zonke ezizinto? Baza baxakaniswa ngaye. Kuloko u‐Yesu wati kubo: Umprofite akangongenakubekwa, kupela ungonjalo ezweni lakowabo nasendlwini yake. Waza akenza zininzi izenzo zamandla kona apo, ngenxa yokungakolwa kwabo.