KWAYE kute ngesabata yokuqala emveni kweyesibini imini yepasika, ebecanda emasimini: baza abadisipile bake baka izikwebu, batya, behlikihla ngezandla. Koko abatile bakubafarisi bati kubo: Yinina ukuba nikwenze oko ekungafanelekile ukukwenza ngemini yesabata? Waza u‐Yesu wapendula kubo, wati: Anike nileseshe oku na, owakwenzayo u‐Davide, okuya wabelambile yena nabo babenaye; okokuba wangena endlwini KATIXO, watabata izonka zokubonakala, waza watya, wanika nabo babenaye kanjalo, ekungafanelekile ukuba zityiwe, kupela ngabaperisite bodwa? Wabesiti kubo kanjalo: Unyana wesintu uyinkosi yesabata nayo.
Kwaye kute nangenye isabata, wangena endlwini yentlanganiso, wafundisa. Kekaloku bekuko kona umntu osandla sokunene sibe sishwabene. Bati ababa̔li nabafarisi bamgqala, ukuba uya kupilisa na ngesabata, ukuze bafumane into yokumnika ityala ngayo. Kodwa yena ebesazi izicamango zabo, wati emntwini obenesandla esishwabeneyo: Suka, ume pakati. Usukile ke wema. Wandula u‐Yesu wati kubo: Ndobuza kuni into ibe nye: Kufanelekile ngemini yesabata ukwenza okulungileyo, ukwenza okukohlakeleyo, kusinina? ukulondoloza ubomi, ukububisa, kusinina? Waza ebasingasingele bonke wati emntwini: Yolula isandla sako. Wenje njalo ke; saza isandla sake sabuya senziwa sipilile njengesinye. Kodwa bona bazaliswa bubugeza, batetana omnye nomnye, ukuba bangenza nto nina ku‐Yesu.
Kwaye kute ngaleyomihla, wapumela entabeni ukuya kutandaza, wadlulisa ubusuku bonke ekutandazeni KUTIXO. Kwaza kwati kwakuba kusile, wabiza abadisipile bake, wanyula kubo ishumi linababini, owabanikayo negama labapostile: u‐Simone, (owamnikayo negama lika‐Petrosi,) no‐Andreya umninawe wake; u‐Yakobi, no‐Johane; u‐Filipi, no‐Batolomeyu; u‐Mateyu, no‐Tomasi; u‐Yakobi unyana ka‐Alefeyu, no‐Simone obebizwa ngokuti ngumzeloti; u‐Jude umninawe ka‐Yakobi, no‐Jude Sikariyoti, okwa nguye owaba yingcatsha.
Waza wehla nabo, wema endaweni ebutafa, kwa nomhlambi wabadisipile bake, nesihlwele esikulu sabantu bevele kuyo yonke i‐Judeya nase‐Yerusaleme, nasezweni lase‐Tire ne‐Tsidone kufupi nolwandle, abebeze ukumva, nokupiliswa ezifeni zabo; nabo abebekatazwa ngomoya abanco̔lileyo; baye bepiliswa ke. Kanjalo sonke isihlwele sasifuna ukumcu̔kumisa; ngokuba kube kupuma amandla kuye, abapilisa bonke.
Waza wapakamisa amehlo ake ngakubo abadisipile bake, wati: Ninetamsanqa nina nibuhlwempu; ngokuba bubobenu ubukumkani BUKATIXO. Ninetamsanqa nina nilambayo kaloku; ngokuba niya kuhlutiswa. Ninetamsanqa nina nililayo kaloku; ngokuba niya kuhleka. Ninetamsanqa, nxa abantu baya kunitiya, nanxa baya kunahlula kubo, banituke, balahle negama lenu njengokuba likohlakele, ngenxa yake unyana wesintu. Vuyani kuleyo imini, nixu̔me ngomgcobo; ngokuba, bona ke, umvuzo wenu umkulu ezulwini; ngokuba oyise babo bebesenza ngokunjalo kubaprofite. Kodwa hai ubunzima benu, nina nizityebi! ngokuba senikwamkele ukwonwatyiswa kwenu. Hai ubunzima benu, nina nihlutiyo! ngokuba niya kulamba. Hai ubunzima benu, nina nihlekayo kaloku! ngokuba niya kuba lusizi nilile. Hai ubunzima benu, xeshekweni bonke abantu bateta kakuhle ngani! ngokuba oyise babo bebesenza ngokunjalo kubaprofite ababuxoki.