Bati abafarisi beva isihlwele sidumzela ezizinto ngaye: baza abafarisi nabaperisite abakulu batuma amadindili, ukuze ambambe.
Wandula wati kubo u‐Yesu: Lixesha elincinane endisenani ngalo, ndize ndiye kulowo wanditumayo. Niya kundifuna, kanti aniyi kundifumana; nalapo ndikoyo mna, aningeze nina kona.
Andula ati ama‐Juda pakati kwawo: Lo uza kuya pina, ukuba asiyi kumfumana? uza kuti na aye kwabaci̔takeleyo pakati kwama‐Girike, awafundise ama‐Girike nje? Lelanina eli ilizwi walitshoyo ukuti: Niya kundifuna, kanti aniyi kundifumana; nalapo ndikoyo mna, aningeze nina kona?
Kekaloku ngomhla wokupela, ongomkulu womtendeleko, wema u‐Yesu, wadanduluka esiti: Ukuba uti umntu anxanwe, makeze kum, asele. Okolwayo kum, njengokuba sisitsho isiba̔lo, imilambo yamanzi apilileyo iya kwela kwa sembilini wake. (Kodwa oku wakutsho NGOMOYA, abebeza kumamkela abakolwayo kuye: ngokuba UMOYA OYINGCWELE ebengekabiko, kuba u‐Yesu ebengekenzelwe ubungcwalisa.)
Babesiti ngoko abaninzi basesihlweleni, bakuva isiteto eso: Ngenyaniso lo ungumprofite lowo. Babesiti abanye: Lo unguye u‐Kristu. Kodwa babesiti abanye: Pofu u‐Kristu uvela e‐Galili na? Asitshilo na isiba̔lo ukuti, u‐Kristu uvela kwinzalo ka‐Davide, nase‐Beteleheme, emzini apo u‐Davide ebekona? Kwabako ngoko impambano pakati kwesihlwele ngenxa yake. Babefuna ke inxenye kubo ukumbamba; koko bekungeko mntu owabeka izandla pezu kwake.
Andula eza amadindili lawo kubo abaperisite abakulu nabafarisi; abati kuwo bona: Kunganina ukuba animzisanga? Ati amadindili ukupendula: Akuzanga kutete njalo umntu, njengokuba etete lomntu. Bandula bati abafarisi ukuwapendula: Nikohlisiwe nani na? kuko na owakubapati okoliweyo kuye, umhlaumbi owakubafarisi? koko isihlwele esi, esingawaziyo umteto, siqalekisiwe.
Wati u‐Nikodemo kubo: (lowo wezayo ngobusuku kuye, engomnye wakubo:) Umteto wetu uyagweba umntu na, ukuba awuti tanci uve kuye, uqonde into ayenzayo? Bapendula bati kuye: Ungowase‐Galili nawe na? pengulula, ubone ukuba akuvukanga mprofite e‐Galili.
Baza bati bonke ngabanye baya ezindlwini zabo.