NGAKO oko ke nati, sinesihlwele esikulu kangaka samanqi̔na sisipahla nje, masibeke nxamnye imitwalo yonke, naso isono esiṙaulayo kakuhle, siti ngomonde sibaleke ugqatso esilubekelwayo, sikangela ngakuye oyimbangi nomfezekisi wokolo lwetu, u‐Yesu, owati ngenxa yovuyo olube lubekwa pambi kwake wayinyamezela ikuruse, elidelile ihlazo nje, waza wahlala pantsi ngasekunene kweterone KATIXO. Ngokuba telekelelani lowo okunyamezeleyo ukupika okunjalo ngaboni ngakuye yena, ukuze ningadinwa ngokuncama emipefumlweni yenu.
Anikamelanga kwada kwaligazi nisilwa nesono; kanjako nisilibele isiyalo esitetayo kuni njengakubo onyana: Nyana wam! ungadeli ukwohlwaya KUKAYEHOVA; zungancami ke wakutetiswa nguye: ngokuba esiti UYEHOVA lowo amtandayo amohlwaye, nabo bonke onyana abamkelayo ababete. Ukuba ukwohlwaywa niyakunyamezela, uti UTIXO anipate njengonyana; ngokuba nguwupina ongunyana ati uyise angamohlwayi? Kodwa ukuba nihlala ningenakwohlwaywa, abati bonke bakwamkele, kukona ningabantwana besisu, ningengabo onyana.
Kanjalo ke sibe sinabo oyise benyama yetu abasohlwayayo, saza sabahlonela: sesingayi kuti kakulu ngakumbi ke na silulamele kuye uyise womoya, size sibudle ubomi? Ngokuba bona okunene bebesiti imihla yamincinane basohlwaya njengokuba bekunga kulungile kubo; kodwa yena uyasohlwayela ukuncedwa kwetu, ukuba samkele kubo ubungcwele bake. Kekaloku akuko kwohlwaywa ixesha kukoyo ngalo okunga kuyinto yovuyo, koko kunga kuyinto yosizi: noko kamva kuyanika isiqa̔mo esiluxolo sobulungisa kwabo baqeliswayo ngako.
Ngako oko pakamisani izandla ezipolelweyo, namadolo acubukileyo; nize nenzele inyawo zenu indlela ezilungeleleneyo, ukuze okuqwalelayo kungatyekiswa, kodwa ngokukumbi kupiliswe.
Putumani uxolo ngakubo abantu bonke, nabo ubungcwele, ekungeko namnye oya kuyibona INKOSI engenabo: nilumka nje kungabiko mntu oposana nofefe LUKATIXO; kungabiko nanye ingcambo yobuṙaṙa ihluma nje enikatazayo, kuze kuti ngayo banco̔liswe abaninzi; kungabiko mntu ongumpimisi, umhlaumbi umginwa, njengo‐Esau, owati ngenxa yesidlo sinye watengisa ngobuzibulo bake: ngokuba nisazi ukuba nasemveni kwoko, akufuna ukulizuza itamsanqa, waliwa; ngokuba engafumananga ndawo yokuguquka, nakuba walifunayo enenyembezi.