Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

I‐Genesise 3:1-5

I‐Genesise 3:1-5 XHO1902A

KEKALOKU inyoka ibinamaqokolo ngapezu kwazo zonke izilo zasendle, abezenzile UYEHOVA UTIXO. Yada yati emfazini: Kanene utshilo na UTIXO ukuti: Aniyi kutya kuyo yonke imiti yalomyezo? Waza wati umfazi enyokeni: Singatya kuso isiqa̔mo semiti yalomyezo; kanti isiqa̔mo somti opakati emyezweni, utshilo UTIXO ukuti: Ningatyi kuso, ningabi nakusicukumisa kanjalo, hleze nife. Yandula yati inyoka emfazini: Aniyi kufa ngokufa; ngokuba esazi UTIXO, okokuba noti, mhlana nitya kuso, nandule nigabuke amehlo enu, naniya kuba NJENGOTIXO, nikwazi nje okulungileyo nokukohlakeleyo.