U‐Hezekile 42

42
1Yandula yandipumisela ebaleni langapandle, ngendlela engasenode; yandizisa kuyo inkambili emalungana nendawo eyahlukileyo, nemalungana nesakiwo ngasenode. 2Ngapambi kwobude bekubite ezilikulu beluko ucango lwasenode, nobubanzi bebuzikubite ezimashumi mahlanu. 3Malungana nazo ikubite ezimashumi mabini ezizezebala lapakati, namalungana nesandlalwa samatye esisesebala langapandle, bekuko indawo epumayo ngakuyo indawo epumayo kwezesitatu inkambili. 4Napambi kwazo inkambili bekuko indawo yokuhamba yekubite ezilishumi ububanzi bayo ngapakati, nendlela yekubite inye; nengcango zazo bezingasenode. 5Inkambili zapezulu zibe zifutshane kwezinye; ngokuba indawo ezipumayo zacapula kwezi, kwezasezantsi nakwezapakati zesakiwo. 6Ngokuba zibe zinenkambili ezintatu, kodwa bezingenazo intsika njengentsika zamabala; ngako oko eyapezulu ibifinyele pezu kwezasezantsi napezu kwezapakati kwa semhlabeni.
7Nodonga obelungapandle malungana nazo inkambili, ngakulo ibala langapandle, ngapambi kwenkambili, ubude balo beluzikubite ezingamashumi mahlanu. 8Ngokuba ubude benkambili, ezibe zisebaleni langapandle, bebuzikubite ezingamashumi mahlanu; kanjalo, bona ke, pambi kwetempile bekuzikubite ezilikulu.
9Nangapantsi kwenkambili ezi ibiyindawo yokungena ngecala lasempumalanga, kwakuyiwa kuzo kuvela ebaleni langapandle. 10Inkambili zibe zisebubanzini bodonga lwebala ngasempumalanga, ngapambi kwendawo eyahlukileyo, nangapambi kwesakiwo. 11Nendlela pambi kwazo yabinjengokubonakala kwenkambili ezibe zingasenode, njengobude bazo, nanjengobubanzi bazo; nazo zonke indawo zokupuma zazo bezinjengezimilo zazo nanjengengcango zazo. 12Nanjengazo ingcango zenkambili ezibe zingasesuyide, bekuko ucango entloko yendlela, indlela eti nqwa pambi kwodonga ngasempumalanga, kwakungenwa kuzo.
13Yaza yati kum: Inkambili zasenode, nenkambili zasesuyide, ezingapambi kwendawo eyahlukileyo, ezi zinkambili ezingcwele, apo abaperisite, abasondelayo kuyehova, baya kuzidla kona izinto eziyingcwele yezingcwele: kona apo baya kubeka izinto eziyingcwele yezingcwele, nomnikelo wokudla, nedini lesono, neletyala; ngokuba indawo leyo iyingcwele. 14Boti bakungena abaperisite, kebangapumi kweyingcwele indawo ukuya ebaleni langapandle, koko beya kubeka kona izivato zabo abakonza ngazo, ngokuba ziyingcwele zona; babeya kwambata izivato zimbi, basondele kweyeyabantu.
15Yati yakuba igqibile ukulinganiswa kwendlu pakati, yandipumisela ngakulo isango elibonana nempumalanga, yayilinganisa ngento engqongayo. 16Yalinganisa icala lasempumalanga ngengcongolo yokulinganisa, ingcongolo ezingamakulu mahlanu, ngengcongolo yokulinganisa ngento engqongayo. 17Yalinganisa icala lasenode, ingcongolo ezingamakulu mahlanu, ngengcongolo yokulinganisa ngento engqongayo. 18Yalinganisa icala lasesuyide, ingcongolo ezingamakulu mahlanu, ngengcongolo yokulinganisa. 19Yajika yaya ecaleni lasentshonalanga, yalinganisa ingcongolo ezingamakulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa. 20Yayilinganisa ngamacala omane; ibinodonga ngento engqongayo, lungamakulu mahlanu engcongolo ubude balo, namakulu mahlanu ububanzi balo, kuze kwahlulwe pakati kwokungcwele nokungengcwele.

Currently Selected:

U‐Hezekile 42: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena