U‐Hezekile 13

13
1LAYE ilizwi likayehova lisiza kum, lisiti: 2Nyana woluntu! profitesha ngakubo abaprofite bakwa‐Sirayeli abaprofiteshayo, uti kubo abaprofiteshayo okuvela kwezabo intliziyo: Yivani ilizwi likayehova:
3Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Kwoba nzima kubo abaprofite abanyabileyo, abalandela owabo umoya, abangabonanga nto! 4Abaprofite bako, Sirayeli! banjengempungutye ezisezindaweni ezicitakeleyo. 5Aninyukelanga eziṙotyeni, aniyibiyanga ngodonga indlu ka‐Sirayeli kanjalo, kuze kumiwe ekulweni ngomhla kayehova. 6Babonile okungendawo nokulaula okubuxoki, abati: Utsho uyehova; nakuba uyehova angabatumanga: batembisile abanye noko ukuba kuqiniswe ilizwi. 7Anibonanga na umboniso ongendawo, nokulaula okubuxoki anikutetanga na? Noko niti: Utsho uyehova; nakuba ndingatetanga. 8Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngenxa yokuba nitetile okungendawo, nokuba nibonile okubuxoki, ngako oko, bona ke, ndingakuni, itsho inkosi e nguyehova. 9Saye isandla sam siya kuba pezu kwabaprofite ababonayo okungendawo, nabalaulayo ubuxoki; esihlelweni sabantu bam abayi kubako, nasesiba̔lelweni sendlu ka‐Sirayeli abayi kuba̔lwa; naselizweni lakwa‐Sirayeli abayi kungena; naniya kukwazi okokuba mna ndi yinkosi e nguyehova. 10Ngokuba, ewe ngokokuba belahlekisile abantu bam, besiti: Luxolo; nxa kungeko uxolo; ati omnye ake udonga, bati, bona ke, abanye baluqabe ngekalike: 11yiti kubo abaqabayo ngekalike, ukuba luya kuwa: kuya kubako isipango esikukulayo; nani, zico̔to ezikulu! niya kuwa; nomoya woqwitela wolucandekisa. 12Bona ke, lwakuwa udonga olo, akuyi kutiwa kuni na: Lipina iqabo eniqabileyo ngalo? 13Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ewe ndolucandekisa ngomoya woqwitela ngobuṙalaṙume bam, kwakuya kubako isipango esikukulayo ngengqumbo yam, nezico̔to ezikulu ngobuṙalaṙume bam, zilugqibele. 14Ndandiya kucita udonga eniluqabileyo ngekalike, ndiluwisele emhlabeni, ude utyileke umsekelo walo; lona luya kuwa, nani niya kugqityelwa pakati kwalo; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova. 15Kwa njalo ndiya kugqiba umsindo wam pezu kwodonga, napezu kwabo abaluqabileyo ngekalike; ndandiya kuti kuni: Udonga olo aluseko, nabo baluqabileyo abaseko; 16kwa abaprofite bakwa‐Sirayeli, abaprofiteshayo ngayo i‐Yerusaleme, abayibonela umboniso woxolo, nxa kungeko uxolo; itsho inkosi e nguyehova.
17Kanjalo wena, nyana woluntu! beka ubuso bako ngakuzo intombi zabantu bako, eziprofiteshayo okuvela kwezazo intliziyo, uprofiteshe ngakuzo, 18uti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Makube nzima kubafazi abatungela imiqamelo ngakuwo amakwapa onke, bazenze izigqubutelo pezu kwentloko zobude bonke, kuze kuzingelwe imipefumlo! Niya kuzingela imipefumlo yabantu bam na, neyenu imipefumlo niyilondoloze ebomini nje? 19Nam niya kundidyoba na pakati kwabantu bam, ngamaqobana eṙalasi nangamaqezu esonka, ukuba kufiswe imipefumlo enga ingafi, nokuba kulondolozwe ebomini imipefumlo enga ingadli ubomi, ngokuxoka kwenu ebantwini bam abevayo ubuxoki? 20Ngako oko intsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndingakuyo imiqamelo yenu, enizingela imipefumlo ngayo kona njengentaka; ndandiya kuyiṙazula ezingalweni zenu, ndiyindulule imipefumlo, leyo imipefumlo niyizingelayo njengentaka. 21Ndiya kuṙazula izigqubutelo zenu nazo, ndihlangule abantu bam esandleni senu, bade bangabi sabiko esandleni senu ukuzingelwa; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova. 22Ngokokuba nikedamisile intliziyo yolungileyo ngobuxoki, endingayikedamisanga mna, nokuba nizomelezile izandla zokohlakeleyo, ukuze angabuyi endleleni yake ekohlakeleyo, ukuba kulondolozwe ubomi bake; 23ngako oko anisayi kubona okungendawo, nokulaula aniyi kubuya nikwenze; ngokuba ndiya kuhlangula abantu bam esandleni senu; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.

Currently Selected:

U‐Hezekile 13: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena