OKU ke ndiyakutsho, ndikunqi̔ne ENKOSINI, ukuba ningabi sahamba njengokuba besenje njalo nabanye abaheyideni ukuhamba, ekumateni kwoluvo lwabo, benziwe mnyama ekuqondeni kwabo, bahlukene nobomi BUKATIXO, ngenxa yokungazi okukubo, ngenxa yobulukuni bentliziyo yabo: abate bebujelwe kukuva nje bazilahlela ebutshinitshinini, kuze kwenziwe ubunco̔la bonke ngobubawa. Kodwa nina animfundanga u‐Kristu ngokunjalo; ukuba nite kambe neva yena, nafundiswa kuye, njengokuba injalo inyaniso ku‐Yesu; ukuba niti, okwokumila kwenu kwapambili, nimtule umntu omdala, oman’ ukwonakala ngokwenkanuko zenkohliso, nibe nihlaziywa emoyeni woluvo lwenu; nize nimambate umntu omtsha, ote ngokufuza UTIXO wadalwa ebulungiseni nasebungcweleni benyaniso.
Ngako oko, senibeka nxamnye nje ubuxoki, tetani inyaniso nonke ngabanye nommelwane wenu; kuba singamalungu omnye nomnye.
Qumbani, ize ningoni ke: ilanga malingatshoni pezu kwengqumbo yenu; ninganiki indawo ku‐Satane kanjalo.
Oba̔yo makangabi seba̔: kodwa ngokukumbi makasebenze, esenza oko kulungileyo ngezandla zake, ukuze abe nako ukwabela lowo unokuswela.
Makungapumi nakunye ukuteta okubolileyo emlonyeni wenu, makube koko kusukuba kulungele ukumiswa kwokuswela okukoyo, ukuze kunike ufefe kwabakuvayo; ize ke ningamdanisi UMOYA OYINGCWELE KATIXO, enanite kuye nancanyatiselelwa imini yokukululwa.
Makukweleliswe kuni bonke ubuṙaṙa, nomsindo, noqumbo, nengxolo, nogxeko, kunye nalo lwonke ulunya; kodwa yibani ninobubele omnye kwomnye, ninenceba, nixolelana, njengokuba ete NOTIXO ku‐Kristu waxolela nina.