Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Kolose 1
1
ISAHLUKO I.
1UPAULUSI, umpostile ka‐Yesu Kristu ngayo intando katixo, no‐Timote umzalwana wetu, 2kubo abangcwele nabazalwana abakolwayo ku‐Kristu abase‐Kolose: Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye utixo ubawo wetu, nenkosi u‐Yesu Kristu.
3Siyabulela kuye utixo noyise wenkosi yetu u‐Yesu Kristu, sinitandazela ngamaxesha onke, 4siyivile nje inkolo yenu ku‐Kristu Yesu, notando eninalo kubo bona bonke abangcwele, 5ngenxa yetemba enibekelelwe lona ezulwini, elo nevayo ngalc pambili elizwini lenyaniso levangeli; 6eze kubako kuni, njengokuba iko nakulo lonke ilizwe; eti kanjalo ivelise izixakato, njengokuba isenje njalo napakati kwenu, kuselokwomhla enayiva ngawo, naza nalwazi ufefe lukatixo ngenyaniso: 7njengokuba kanjalo benifundile ku‐Epafrasi, isicaka kunye nati esitandiweyo, ongumkonzi onyanisekileyo ka‐Kristu ngenxa yenu; 8owati kanjalo waxela kuti utando lwenu kumoya.
9Ngenxa yako oku nati, kuselokwomhla sevayo, asipezi ukunitandazela, nokucela ukuba nizaliswe ngokwaziwa kwentando yake kubo bonke ubulumko nokuqonda okubumoya; 10ukuze nihambe ngokufanele inkosi kube kukukolisa konke, nivelisa izixakato kuyo yonke imisebenzi elungileyo, nikulela ekumazini utixo; 11nisomelezwa ngabo bonke ubomelelo, ngokwamandla obungcwalisa bake, kube kuko konke ukunyamezela nokuzeka kade ndawonye novuyo; 12nibulela kuyise owasenza silinganele isabiwo selifa labangcwele ekukanyeni: 13owasihlangulayo egunyeni lobumnyama, wasifudusela ebukumkanini bonyana wotando lwake; 14okuye sinalo ukululwa ngalo igazi lake, uxolelwa lwezono zetu: 15ongumfanekiso wotixo ongabonekiyo, umzalwatanci kuzo zonke izidalwa: 16ngokuba kuye kwadalwa zonke izinto, ezo zisezulwini nezo zisemhlabeni, ezo zibonekayo nezo zingabonekiyo, nokuba zezineterone, nokuba zezinobukosi, nokuba zezinobupati, nokuba zezinegunya, — zonke izinto zidaliwe ngaye, nangenxa yake: 17kanjalo yena upambili kuzo zonke izinto, nakuye’zonke izinto zimana zimi. 18Kanjako nguye oyintloko yomzimba, yeṙemente; osiso isiqalo, umzalwatanci kwabafileyo, ukuze yena abe ngomkulu ezintweni zonke: 19ngokuba ebetanda u‐Yise ukuba bonke ubuzala buhlale kuye; 20nokuba ati ngaye zonke izinto azixolisane naye yena, elwenzile uxolo nje ngalo igazi lekuruse yake, — kwa ngaye ke, nokuba zezo zisemhlabeni, nokuba zezo zisezulwini.
21Nani nina, nakuba nibe nifudula ningabasemzini nabazintshaba eluveni lwenu kuyo imisebenzi ekohlakeleyo, noko kaloku unixolisene naye 22emzimbeni wenyama yake ngako ukufa kwake, ukuze animise nibangcwele, nibamsulwa, ningenakunikwa ityala, ebusweni bake: 23ukuba kambe nimana ukuma elukolweni, nisekelwe, niqinile nokuqina, ningashenxiswa nje kanjalo etembeni levangeli, leyo nayivayo, eyashunyayelwa kuko konke ukudalwa okungapantsi kwezulu; endaba ngumkonzi wayo mna Paulusi.
24Enditi kaloku ndivuye ezintlungwini zam ngenxa yenu, ndizalisekise izinto eziswelekileyo zembandezelwa zika‐Kristu enyameni yam ngenxa yomzimba wake, oyiyo iṙemente: 25endaba ngumkonzi wayo mna ngokwolwabo lukatixo olwanikwa kum ngakuni, ukuba ndikolise ukushumayela ilizwi likatixo, — 26imfihlakalo ebifihlelwe amaxesha akudala nezizukulwana, kodwa kaloku ibonakalisiwe kubangcwele bake: 27abete utixo watanda ukubazisa into buyiyo ubutyebi bobungcwalisa bemfihlakalo le pakati kwabaheyideni; engu‐Kristu pakati kwenu, itemba lobungcwalisa: 28esiti tina simshumayele, siluleka bonke abantu, sifundisa nokufundisa abantu bonke ngobulumko bonke; ukuze simise bonke abantu befezekile ku‐Kristu Yesu; 29endizamela kona kanjalo, ndikandanisa ngokwokusebenza kwake, okusebenzayo kum ngamandla.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Kolose 1: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.