Eyesibini ka‐Samyali 8
8
1KWABEKUTE emveni kwoku, ukuba u‐Davide wabeta ama‐Filistiya, wawatobisa; waza u‐Davide watabata i‐Metege‐ama esandleni sama‐Filistiya.
2Wabeta nama‐Mowabi, wawalinganisa ngentambo, ewalalisa ngasemhlabeni; walinganisa ngentambo ezimbini zokuba kufiswe, nangentambo ezeleyo yokuba kulondolozwe ebomini: aza ama‐Mowabi aba ngabakonzi ku‐Davide, asa iminikelo.
3Waza u‐Davide wabeta u‐Hadadezere, unyana ka‐Rebobi, ukumkani we‐Tsoba, ekuhambeni kwake ukuya kubuyisa amandla ake ngasemlanjeni wom‐Ferate. 4Waye u‐Davide watimba kuye iwaka lenqwelwana, namakulu asixe̔nxe abakweli bamahashe, namawaka angamashumi mabini abahamba ngenyawo; waza u‐Davide wawasika umbotshwa onke amahashe enqwelwana; kodwa wasalisa kuwo awenqwelwana zalikulu. 5Kekaloku ama‐Siriya ase Damakusi eza ukumnceda u‐Hadadezere ukumkani we‐Tsoba; waza u‐Davide wabulala kuwo ama‐Siriya amadoda angamawaka angamashumi mabini anamabini. 6Wandula u‐Davide wazibeka ilali e‐Siriya yase‐Damakusi; ati ama‐Siriya aba ngabakonzi ku‐Davide, asa iminikelo. Kwa njalo uyehova wamnceda u‐Davide apo kusukuba ebesiya kona. 7Wayetabata u‐Davide amakaka egolide abekuzo izicaka zika‐Hadadezere, wawazisa e‐Yerusaleme. 8Waye ukumkani u‐Davide kanjalo wayisusa e‐Beta, nase‐Berotai, izixeko zika‐Hadadezere, ixina, into eninzi kakulu.
9Kekaloku kwakuviwa ngu‐Tohi ukumkani we‐Hamati, ukuba u‐Davide ubetile wonke umkosi ka‐Hadadezere, 10wandula u‐Tohi watuma u‐Yorame unyana wake ukuya kukumkani u‐Davide, ukumbulisa, nokumtamsanqelisa, ngenxa yokuba ebelwile ngakuye u‐Hadadezere wambeta; (ngokuba u‐Tohi ebenzile imfazwe no‐Hadadezere;) nasesandleni sake beziko impahla zesilivere, nempahla zegolide, nempahla zexina. 11Ezi nazo ukumkani u‐Davide wazenza ngcwele kuyehova, kunye nesilivere negolide abezenze ngcwele zivela kuzo zonke intlanga ezibe zoyisiwe nguye: 12kuwo ama‐Siriya, nakuwo ama‐Mowabi, nakulo usapo luka‐Hamoni, nakuwo ama‐Filistiya, nakuwo ama‐Amaleki, nakuwo amaxoba ka‐Hadadezere, unyana ka‐Rehobi, ukumkani we‐Tsoba.
13Wandula u‐Davide wazenzela igama, akubuya ekuwabulaleni ama‐Siriya emhlanjeni we‐Tyuwa, amawaka alishumi elinesibozo. 14Waza wazibeka ilali e‐Edome; kuyo yonke i‐Edome wazibeka ilali; ada onke ama‐Edome aba ngabakonzi ku‐Davide.
Kwa njalo uyehova wamnceda u‐Davide apo kusukuba ebesiya kona. 15Waye u‐Davide wapata ubukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke; kanjako u‐Davide wenzela bonke abantu bake ubugwebo nobulungisa. 16Kekaloku u‐Jowabi unyana ka‐Tseruya wabepezu kwomkosi; no‐Yehoshafate unyana ka‐Ahilude ebengumkumbuzi: 17kanjako u‐Tsadoki unyana ka‐Ahitube, no‐Ahimeleki unyana ka‐Abiyatare, bebengabaperisite; no‐Seraya ebengumba̔li; 18no‐Benaya unyana ka‐Yoyada wabepezu kwaba‐Kereti naba‐Peleti; nonyana baka‐Davide bebengamanene.
Currently Selected:
Eyesibini ka‐Samyali 8: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.